INkulubaphathiswa ikwathe uAzenathi ugqibelise ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga ukufumana umvuzo njengeBambela Kumkani.
UMabuyane uthi uAzenathi makaphume aphele ngesikhawu eBumbane, xa enje ethe wayifumana esandleni imbalelwano, ze onke amalungelo ombuso ebewafumana awanikeze amagosa karhulumente kwisebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi.
UNkosi Thandisizwe Mtirara ethetha egameni likaAzenathi uthe bayifumene le mbalelwano, watsho esithi iza kugocagocwa liqela labo labezomthetho.
“Siyifumene imbalelwano. Okwangoku asikafuni ukuphefumla, sisayijonga nabezomthetho,” kutsho uMtirara.
UMabuyane uthi ngokomthetho kufuneka ekuhlolile ukubambela kweenkokheli zemveli rhoqo ngeminyaka emithathu.
Ukubambela kukaAzenathi kuqale ngethuba kubanjwa uyise, uKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo, kweyoMnga 2015.
UDalindyebo ukhululwe ngengqawule kweyoMnga 2019 kwaye ukusukela ngoko oko engaboni ngasonye noAzenathi malunga nesikhundla sakhe eBumbane.
KweyoKwindla kulo nyaka uKumkani Buyelekhaya wabanjwa ngamapolisa emva kokuba exheshe uAzenathi eBumbane esithi makaphume aphele.
Kwinyanga ephelileyo, uKumkani Buyelekhaya wothuse uninzi esithi uAzenathi asingomntwana wakhe wokuzalwa.
Amakhosi akrolonqwe ngenduku yiMamelodi Sundowns yathatha indebe!