Ziyathontelana
iingxaki zeqakamba emva kokuba namhlanje iCricket
kukaMnu. Chris Nenzani kwisikhundla sokongamela. UNenzani ebephantsi
koxinizelelo kakhulu ngenxa yezikhalo zamatshantliziyo azabalazela iinguqu ezicothayo
eqakambeni. Enye yezinto ezibangele isikhokelo sakhe singaginywa ncam ngabantu
beqakamba ngumba kaThabang Moroe – ingqonyela yeCricket
eyanqunyanyiswayo emva kokutyholwa ngokungaphathi izimali zombutho ngendlela
elungileyo. Umba kaMoroe awukasombululeki nangani ixesha lophando sele lagqitha
kudala. “UMnumzana uChris Nenzani ubeke phantsi njengoMongameli weCSA nanjengosihlalo
wesigqeba esiphethe umbutho weqakamba ukusukela ngomhla we-15 kweyeThupha 2020,”
itshilo ingxelo ekhutshwe yiCSA.
UMnu.
Nenzani waqala ukuxhuzula imikhala kwiCricket
kakhulu kwiinzame zokuphucula umdlalo weqakamba ezenziweyo kuquka nomba
weenguqu nokunikwa kwabadlali abamnyama amathuba okudlala. “Egameni lesigqeba
esikhokela umbutho weqakamba, sithi enkosi kuMnu Nenzani owenze igalelo
elibonakalayo. Sitsho simnqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe,” itshilo
ingxelo ekhutshwe yiCSA. Kulindeleke kungene usihlalo noMongameli omtsha emva
kwentlanganiso ebekelwe umhla wesihlanu kwinyanga ezayo. Kutshanje, iqakamba
yaseMzantsi Afrika ibisematheni emva kwesikhalo esenziwe ngabadlali abamnyama
bakudala ababalise impathombi yabo besengabadlali kumaqela eqakamba aseMzantsi
Afrika nakwiqela lesizwe.
Uluntu luyabongozwa ukuba lufumane isitofu sokugonya somkhuhlane