MaDosini: Hayibo, isidanga eqabeni?

Hayibo, isidanga eqabeni? Niyalazi phofu iqaba?”

Le yimibuzo azibuze yona uLatozi Mpahleni (78), owaziwa kwezomculo ngesiduko sakhe uMaDosini, onikwe isidanga sembeko kwezomculo (Doctor of Music [honoris causa]) yiYunivesithi iRhodes.

IRhodes kule veki ibhale ukuba inikeza eli wonga kuMaDosini ngenxa yegalelo lakhe “lokuchitha bonke ubomi bakhe” eqaqambisa umculo wesiXhosa.

Ethetha eseMkhankatho eLibode izolo (ngoLwesithathu), uMaDosini uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba kwaqala kwamothusa oku ngethuba ekuva okokuqala. UMaDosini kwakufanele ukuba usinikwe ngoTshazimpuzi esi sidanga kodwa ngenxa yentsholongwane yeKhorona, uthwesozidanga eRhodes, nakwamanye amaziko, kwaye kwamiswa.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMaDosini uthe: “Ndiliqaba elingazi no-A. Zange ndilibeke esikolweni. Kwathi kwakuthethwa ngale nto kum ndothuka, ndazibuza ukuba ‘hayibo, isidanga sinikwa mna!’ Bendizibuza ukuba ndingayivuma njani into enjalo. Kaloku ubuqaba boyanyaniswa nobubhanxa kwezi ntsuku.”

UMaDosini uthi emva kokucaciselwa ngeli wonga, waye watshintsha iingcinga zomothuko.

“Ndiye ndahlala ndinentliziyo ebuhlungu yile nto (isidanga sembeko), kodwa ndajika ndonwaba xa ndicaciselwa ukuba ndiyinikelwa ntoni. Ndiye ndaqala ndonwaba xa ndicaciselwa futhi ndicengwa ukuba kufuneka ingandihluphi le nto yokunikwa isidanga. Bandicacisele ukuba yindlela yokuwongwa kwam. Iqaba elindim liye laqala ukuncumancuma. Ndithetha ukuthi ndiyavuya kakhulu leli wonga,” kutsho uMaDosini.

IRhodes ithi igqibe kwelokuwonga uMaDosini ngenxa yendima ayidlale kumculo wesiNtu. “UMaDosini yimvumi yesiNtu eyaziwayo ngokudlala uhadi, umrhubhe nesitolotolo. Uchithe ubomi bakhe bonke eqaqambisa umculo wesiNtu kweli nakumazwe ehlabathi,” itshilo iRhodes.

Izolo uMaDosini uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ugqiba kulungisa isixhobo sakhe somculo (uhadi) kuba ulindele iindwendwe namhlanje.

Izixhobo zakhe zomculo luhadi, umrhubhe nesitolotolo. Uthi ukudlala umrhubhe wakuqala eseyintombazana. “Uhadi ndalufundiswa ngumama, kuba uhadi lwalungakhaliswa ngamantombazana. Abaninzi ndibafundisile ezi zixhobo, kuba ndifuna ukushiya umzila kwabanye.”

Okubi ke kukuba uMaDosini uphantse akalamkela eli wonga nanjengoko ebekhe wafunyanwa yintsholongwane yeKhorona, kodwa waphinda walulama. “Kwigumbi lokugula endandilele kulo kwabhubha babane bezintsana benjalo. Akukho sifo ndisoyika ukogqitha le gomgom,” utshilo uMaDosini.