Ukubaluleka kobulongwe benkomo esiNtwini

UBULONGWE bugxotha ilishwa emntwini ze emva koko busondeze amathamsanqa nonxibelelwano neminyanya.

Oku kuthethwe nguPhuthumile Fuyani igqirha, ethetha phantsi kwesihloko esithi “Ukubaluleka kobulongwe benkomo esiNtwini”.

UFuyani uthi phaya emandulo, umntwana ebethi xa eza kubelekwa kusindwe ngobulongwe beenkomo zakowabo kule ndawo aza kubelekelwa kuyo.

“Kungenjalo umntwana bekuthi xa eza kubelekwa, kubaswe umlilo wamalongwe ukuze aphefumle ela vumba. Nokuba umntwana ubelekelwe esibhedlele, bekuthi xa ebuyayo esiza ekhaya, asindelwe loo ndlu aza kufikela kuyo. Yonke le nto ibisenziwa ukuze amkeleke kwiminyanya yakowabo lo mntwana,” utshilo uFuyani.

UFuyani uthi kwankqu nesilawu somzi, kufuneka sidityaniswe nobulongwe, ubani angasisebenzisi sisodwa.

“Kwa impepho le, ibingengomthi wokunxibelelana nezinyanya obusetyenziswa. Lilongwe lakowenu umthi obufudula usetyenziswa ukunxibelelana nezinyanya. Qhumisa ilongwe lakowenu, uthethe neminyanya,” kutsho uFuyani.

“Emandulo, amagqirha okanye abantu xa besiya kwenza imisebenzi yasemilanjeni, kwakufuneka baye ilanga lingekaphumi kuba xa bengenzanga njalo baza kufika abantu (ooxam) bakomkhulu (emlanjeni) sele besinda. Ooxam baqala ukusinda xa liqala ukuthi chapha ilanga.”

UFuyani uthi inkaba yomntwana ibithi yakuwa, ithathwe ifakwe ebulongweni. “Nengqithi xa igqiba kuqhawulwa ifakwa ebulongweni.”