Ukujonga phambili xa sizikhusela kwikhorona

ILockdown efike ngenxa yobhubhane wekhorona

Fully electric Volvo XC40 introduces brand new infotainment system

isihleli entanyeni. Kunzima ukuzulazula ngeenqwelo zethu kuba sinyanzeliswe ukuhlala ezindlini, sizamana nokungasulelani ngale ntsholongwane yeCovid-19.

Kodwa siyaqikelela ukuba sekukufutshane ukuba ilockdown iphele, kuba njengesizwe sisebenza kakuhle ukugcina usulelwano luphantsi xa sithelekiswa namanye amazwe asebunzimeni mpela. Siseza kunxiba iimask neegloves zeplastiki sizama ukungasulelwa, kodwa iimoto zona zingenza njani ukusincedisa? Ziintoni ezinokufakelwa kwezi moto zintsha ezinganceda ukulwa ukusulelana ngecoronavirus?

Okulandelayo ngamanqaku athile esinokuwaphawula njengabantu abakhangela iimoto ezintsha eziza kusinceda.

Ii-Infotainment Systems ezingacofwayo

Uphucuko lwee-infotainment systems lusuka kude. Izinto ezaqala zingoonomathotholo, zaphinda zadlala umculo ngamakhasethi, kwazii-cd, ngoku zii-USB/Aux. Futhi kula malanga ii-infotainment system zilawula okuninzi okufana nee-SatNav nokunye okuninzi emotweni. Zonke ezi zinto bezifuna ukuba ucofe ngeminwe yakho.

AbakwaVolvo ngoku bakha ii-infotainment systems ezicofeka ngeegloves, ukuze unciphise amathuba okwasulelana nabanye abantu obakhwelisayo abaye bacofacofe ungabazi apho basuka khona ngeminwana yabo. Phofu bebakha ii-infotainment ezinje kuba abantu baseYurophu besezindaweni ezinamakhephu, kodwa ngoku olu lwakhiwo lulungele ilizwe lonke, kuba wonke umntu ngoku ezokunxiba iigloves maxa onke.

Ukuphucuka kwezilawula iqondo lobushushu ngaphakathi

Amaqhosha alawula iqondo lobushushu ngaphakathi emotweni aya ngokunyamalala njengamaqhosha awodwa. Yonke into ngoku iphaya kula infotainment system, ngoko ke ingxaki yokutshintshatshintsha ukubanda nokufudumala seyihoyiwe.

Kodwa kwezi ntsuku iqondo lobushushu alipheli ekubandiseni okanye ukushushubeza imoto. Ngoku ii-climate control system ziphucuke kangangokuba kwiimoto zakwaVolvo kukho iifilters ezenza umoya ongena ngaphakathi emotweni acoceke kakhulu. EzakwaVolvo iimoto zikususa kwimimoya emdaka yeedolophu, zisebenzisa iimulti-filters ezinamalahle, ezikhupha ukungcola neentsholongwane ezisemoyeni ongena emotweni.

Ezi zinto bezakhelwe ukunceda abo banengxaki yokuphefumla (asthma), abangavani nokungcola komoya (hypersensitivity) nee-allergies. Kodwa ngoku kwa ezi zilungiselelo zinceda ukunqanda intsholongwane yecoronavirus zingangeni emotweni eyiVolvo.

Amacango angasemva omlingo

Sekhona amacebo asetyenziswayo kwiimoto okuvula ucango lwasebhuthini. Ezininzi iimoto kusafuneka ucofe iqhosha elithile. KwiiVolvo uyakwazi ukuvula ebhuthini ngokukhabakhaba ngaphantsi kwebhampa ucango luzivulele, ulayishe imithwalo yakho nezinto zakho ozithengileyo evenkileni.

Oku kunceda unciphise amathuba okufumana intsholongwane yekhorona, kuba kaloku awazi ukuba imoto yakho iphathaphathwa ngoobani xa ungayijonganga.

Izinto ezilawulwa ngokuthetha ngamazwi

Ukulawula izinto emotweni ngamazwi okanye ngokuthetha bekukade kuyinto encede kwezokhuseleko ukuze umqhubi angasusi amehlo endleleni xa efuna ukutshintsha izinto ezithile. Jonga ngoku, kwale nto inceda ekunciphiseni amathuba okucofacofa amaqhosha emotweni. Iphinda iye kula nto yokuba ungosulelani nomnye umntu osemotweni ngokucofa amaqhosha afanayo, okanye usulelane nomnye umntu obeyiqhuba phambi kwakho, kwezo moto zasemisebenzini eziqhutywa ngabantu abaninzi.

Iivoice command systems zakwaVolvo zaziwa ngokuba zezona ziphucukileyo, okubonisa ukuba lo mzimveliso kudala ejonge phambili kulwakhiwo lweemoto zabo.

Iimoto ezikwazi ukuziqhuba ngokwazo

Xa kuthethwa nge-autonomous driving, abakwaVolvo ngoongqaphambili apho. Ewe, akukabikho moto eziziqhubayo ngokupheleleyo, kodwa abakwaVolvo ziinkokheli kweli candelo lokwakha iimoto ezizokukwazi ukuxelelwa ngamazwi ukuba ufuna ukuyaphi, ze yona izilawule iziqhube ukuya apho uyikhombe khona.

Okwangoku kusafuneke uyifake endleleni ngokwakho. Kodwa ukungena kwayo endleleni, iimoto zakwaVolvo ziyakwazi ukufunda zibone amaphawu endleleni, igcine umgca wayo kuhola wendlela, ikwazi ukuzitshintshela umgca xa idlula imoto ephambi kwayo ecothayo, ikwazi ukuthoba isantya xa kuxinene, iphinde yonyuse isantya xa kuvulekile.

Konke oku kunceda umqhubi anciphise amathuba okubambabamba emotweni eqokelela izigulo ezibekwe ngabanye abakhweli.

Zonke ezi zinto zisezokubonakala zixhaphaka kuzo zonke ezinye iintlobo zeemoto kungekudala. Ixesha lixhatshwe yinja kuzanywa ukukhuselwa abantu kule ntsholongwane yekhorona. AbakwaVolvo baphambili kule mfazwe.

Silandele kuTwitter ku: @ilisolezwe, kuFacebook ku: Ilisolezwe, nentatheli yethu ku-Instagram ku-@dozerdrives.