UDike ushumayela ngesiGrike kumabonakude!

IQHULA elaziwayo, uThembinkosi Dike, liyinxalenye yenkqubo entsha edlala kumabonakude ethi It’s All Greek To Me.

Le nkqubo, edlala kwiOne Gospel (Channel 331) luhlobo lwenkqubomdlalo engokutolikwa kwamagama esiGrike ebhayibhileni.

UDike, odume njengoTD Jokes kwiqonga lokuqhula, uza necala elinyumbazayo kule nkqubo nanjengoko iyinkqubo ekudlalwayo kuyo.

“Sincokola nabo baziwayo kwiqonga legospile, sikhangele ulwazi lwabo ngamagama esiGrike. Indlela yokuwabiza, nendlela yokuwasebenzisa entshumayelweni, konke oku sikwenza ngendlela ehlekisayo,” uDike ubalisele I’solezwe lesiXhosa.

“Bafune mna ukuze ndize necala elihlekisayo nanjengoko iyiGame Show,” kutsho uDike.

Le nzalelwane yaseQonce ikhe yakroba kwezosasazo phambi kokuba idume njengeqhula.

UDike uqale ukusasaza ngethuba ekunyaka wokuqala kwizifundo zobuntatheli kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMonti.

Wayesenza inkqubo yangeempelaveki eLink FM, waze wenza nezinye phambi kokuzibandakanya nephephandaba laseQonce elaliphantsi kweDestiny Media kaDr Mandla Makubalo ngo2010.

“Emva koko ndeza eRhawutini apho ndiye ndaqala neStand-Up Comedy. Izinto zaye zandihambela kakuhle ndaze ndakhetha ukuhlala kwiComedy,” kubalisa uDike.

UDike ufuna ukuqhuba nekhondo lokusasaza.

“Ndifuna ukuqhuba nezosasazo, ndibe ngaxeshanye ndiqhuba neComedy,” utshilo.

Eli qhula likwadize ukuba libhala ifilim yalo yokuqala neliza kuba ngomnye wabadlali kuyo.

Likubethelele ukuba liza kuxhaphaka kumabonakude – kusasazo nakwimidlalo.

Inkqubo ethi It’s All Greek To Me idlala kwiDStv Channel 331 rhoqo ngoMvulo ngo17h30, iphindwe ngoLwesibini ngo-09:30 kusasa, nango-22h30 ngokuhlwa.