Huntshuuuuu! halaaaala Entsimini!

Nam ndithi mandiphose ilizwi lokwamkela eli phephandaba ngemiba yezolimo kweli lizwe. Ngenene livala isikhewu ebesekukudala sivulekile seqonga lokwabelana ngamava, izimvo nolwazi kubalimi, kuquka nabo basakhasayo kwakunye nabalimi basekhaya . Kwaye lenza igalelo kwiinzame zokuphuhlisa iilwimi ebezikade zingajongelwanga ntweni kweli lizwe laseMzantsi Afrika. Ukuze inkqubo yolawulo ngentando yoluntu, idemokhrasi, imile iingcambu kunyanzelekile ukuba iilwimi zemveli zakweli zixhamle, kwaye zizuze intlonipho nesidima phakathi kweelwimi ngeelwimi zeli lizwekazi laseAfrika.

Kungethamsanqa ukuba lo vimba weli phulo ubhexeshwa ngumfo onesakhono esisodwa nobuchule bokuphatha ngenkuthalo nomonde lo msebenzi. Ndithetha njengomntu owakhe wanenyhweba yokusebenza naye njengomhlohli wakhe lo mzukulwana kaMqikela. Nam ndithe ndafunda lukhulu kuye xeshikweni ebesebenza njengentatheli nomlawuli kanomathotholo eNtshona Koloni.

KwiEntsimini sithi Huuuuntshu! Halalaaaa!

Shepi Mati, ubhala njengesiqu. Ungumhlohli, umthandi nomlandeli wemicimbi yeendaba eMzantsi Afrika, ingakumbi ngolwimi lwenkobe. Usebenza njengomhlohli kwisebe elifundisa ngonomathotholo kwiYunivesithi yaseRhodes eMakhanda.