UX-Blou uza nobungcwele bukaThixo

EBESELULA naye ngokweminyaka ngethuba ebona uMsawawa kumabonakude ezenzela igama njengemvumi encinane yekwaito, waze wakhuthazeka.

Kodwa namhlanje, uXoliseka Blou, 28, sele eyimvumi yegospile enecwecwe layo.

UX-Blou, nelona gama asele edume ngalo emculweni, ukhupha ukracaza wecwecwe elibizwa “Ubungcwele bukaThixo”.

Eli cwecwe likaX-Blou, lineengoma ezilishumi elinanye.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uthi ukhule enomdla wokucula umculo wegospile okanye iR&B.

“Ndakhuthazeka kakhulu xa ndibona umntwana olingana nam ecula, evela kumabonakude nonomathotholo, kodwa ke ingxaki yam yayiyeyokuba mna andifuni kwenza ikwaito njengoMsawawa, kodwa ndifuna ukwenza iRnB okanye igospel,” kuncokola uBlou.

Le nzalelwane yaseDimbaza ithi nangona yayiyithanda igospile kodwa yayisithi ngumculo oculwa ngamanina.

“Ongasekhoyo ubhut’ Lundi Tyamara, yaba ngumntu wokuqala oyindoda endambona ecula olu hlobo lomculo, kulapho ndakhuthazeka khona,” kutsho uBlou.

Uthi uqale uyilandelela igospile esikolweni samabanga asezantsi.

“Kuba ndandidlala ibhola esikolweni, kodwa utitshala womculo wandiyekisa yona kuba endifuna kwikwayala yomculo,” utsho.

Ngo2005, uBlou udibene noLuthando Mzi, nosele eyimvumi kungoku nje naye, baqala ukubangabahlobo abathanda umculo kunye.

Ngonyaka ka2011, bobabini uBlou noLuthando Mzi, baye baqala ukushicilela umculo kwiDay Care Centre yaseDimbaza, beqala iqela lomculo elalibizwa ‘Victors of Tomorrow’.

Emva koku, uBlou uthi wakhetha ukuzenzela elakhe icwecwe kodwa akwalunga. Ngo2016 uBlou waya eRhawutini ngeliyokufuna umsebenzi, waze ngo2017 elapho, washicilela icwecwe elibizwa ‘Sikhonza sinamanxeba’.

“Umculo wam ngumculo wevangeli futhi ndidumisa, ndiphakamisa uThixo ngawo,” utsho.

Ndiwenzela wonke umntu, omncinci nomdala, olikholwa nongelokholwa ngoba ndiyashumayela ngawo ebantwini,” kutsho le mvumi.

Icwecwe likaBlou elitsha lineengoma ezifana no-Ubonakele kuSirayeli, Haleluya, Ndincede Nkosi, Sophelelaphi, I am a living testimony nezinye.

Eli cwecwe liyafumaneka kwiivenkile zeintanethi okanye ubhalele uBlou kuFacebook: @Xoliseka Blou okanye umthumelele i-email ku: xolisekablou@gmail.com