Umyalezo omkhulu kwingoma entsha kaDJ 6teen

NEYIPHI imizamo yethu, uThixo uyayibona.

Lo ngumyalezo oqulethwe yingoma entsha kaDJ 6teen ethi ‘Uyayibona’.

Le ngoma, esandul’ ukukhutshwa kutsha nje iluhlobo lweAfro House.

Kule ngoma uDJ 6teen usebenze nemvumi yaseLimpopo ethetha ulwimi lwesiVenda kodwa ecula le ngoma ngesiXhosa.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uDJ 6teen uthi waziwa ngomculo womjayivo ikakhulu.

” Ndenza umculo womjuxuzo, kodwa ngoku ndifuna ukwenza into eyohlukileyo kuleyo ndaziwa ngayo.

Kodwa phambi kokuba ndaziwe ngenye into ndifuna ukwaziwa ngomculo womjuxuzo,” kutsho uDJ 6teen.

UDJ 6teen waqala ukwenza umculo ngo2009 eseThekwini, efundiswa nguNjabulo waKwaMashu.

Uthi akaqali ukukhupha umculo kodwa esebenza neeprodyusa ezohlukeneyo ngoko.

“Ngoku ndizenzela ngokwam ngesingqi sam, ” utshilo.

Ebalisela I’solezwe ngokuthe vetshe ngomyalezo ophethwe yile ngoma.

“Ndisebenze nemvumi egama linguChandu. Wenza izifundo zomculo kwiYunivesithi yaseKapa (UCT).

“Nokuba kunzima kangakanani na, umsebenzi wethu kukuhlala sibambelele ethembeni nokukholelwa koko sifuna ukuzuza. Ukuba sikholelwa ngokwenene ukuba uThixo uhlala ekho kwihambo yethu eya empumelelweni, akukho nto enokuba ngumqobo ekuqaqambeni kwetalente esiyiphiwe nguYe, ” kutsho uDJ 6teen.

UDJ 6teen uzelwe enguThembinkosi Phalali, ezalelwa kwidolophu yaseRobertson eNtshona Koloni.

IRobertson yaziwa ngeminyhadala yolonwabo efana neWacky Wine neWine On The River.

Uthi uphulaphula wonke umculo omnandi, ikakhulu umculo weHouse, owaMapiyano, iHip Hop nePop yala maxesha.

Uthi ukhulele kusapho oluwuxabise kakhulu umculo.

“Ngoko ndikhule ndisiva umculo weBubblegum ofana neDalom Kids, uSplash neChick to Chick.

Bendimamela nomculo wegospile, irap neRnB,” kutsho uDJ 6teen okwangumsasazi kanomathotholo.

Usasaze koonomathotholo abafana neRedcap Radio, iTruFM neHeart FM.

Uthi akakasebenzi kwicwecwe elipheleleyo okwangoku, esithi kodwa angakhupha iEP kungekudala.

Xa ufuna ukuzivela nawe kolu ncuthu lwengoma ungazikhangelela kuYouTube, kungenjalo ukhangele uDJ 6teen kwikhasi lakhe elingu: @realdj6teen.