Abalali behlayo kwindlu ekunqunqelwe kuyo uNosicelo

ABANTU abarenta kwindlu eseQuigney eMonti apho kubulewe ze kwanqunqwa umfundi waseFort Hare, abalali buthongo behlayo kwaye bafuna ukuyifulathela le ndlu.

Oku kuthethwe nguPhumeza Qwabe, ongumgcinicwangco kule ndlu apho kubulewe khona uNosicelo Mtebeni ze wanqunqwa amalungu omzimba liqabane lakhe uAlutha Pasile.

UMtebeni ebekunyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zoMthetho logama uPasile ebengumntu othengisa i-inshorensi yemingcwabo, utshilo uQwabe.

Indlu apho abulawele khona uNosicelo Mtebeni UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UQwabe uthi ngenxa yoloyiko, uqikelela ukuba iyakuphela eyoMsintsi ibe le ndlu ingenamntu orentayo. Le ndlu yeshwangusha inamagumbi alishumi. Amanye wala magumbi angemva.

Le ibiyeyona ndlu eyenza imali kwizindlu ezigcinwa ucwangco nguQwabe.

“Wonke umntu orenta apha udandathekile, siyalufuna uthuthuzelo lomphefumlo. Abantu abarenta apha bafuna ukuhamba, futhi ndiyacinga ukuba le nyanga yeThupha yinyanga yabo yokugqibela.

“Ndiyayiqonda ke kambe ukuba ukufumana indlu asiyonto ekhawulezayo, yiyo le nto abanye beye banyamezela. Banyamezele nje kodwa baphantsi koloyiko sesi sehlo,” utshilo uQwabe.

UQwabe uthi uMtebeni noPasile ibingabantu abathandanayo benoncumo. “UPasile nguye oweza kum efuna indawo yokuhlala. Ebethule engumntu ongafane athethe. Ndiyabazi bobabini, bebethandana benoncumo, kunzima nokucingela ukuba bakhe balwe,” kutsho uQwabe.

Omnye wabo barenta kule ndlu, ocele ukungabizwa ngagama, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba: “Aba bantu baxabene ngoMvulo (16 kweyeThupha) emva koko kuyacaca ukuba uye wayomthengela isarha ze wamnqunqa.”

“Akusangeni kum ukutya, kubuhlungu kumazantsi esisu. Kunzima nokulala ebusuku, ndicingana nesi sehlo,” kutsho orenta kule ndlu.

Ngomhla wesehlo, ngoLwesibini umhla weshumi elinesixhenxe kweyeThupha, kuvakala ukuba kwakukhalela phezulu umculo kwindlu yesi sibini. Kwangalo mhla, uPasile kuthwa wabona engena nebhokisi yezixhobo zokusebenza (toolbox) ekucacayo ukuba wayisebenzisela ukunqunqa uMtebeni.