Vusi Thanda: ‘Ndandicing’ ukuba ndiza kubhubha’

UMDLALI kamabonakude odume kunene uVusi Thanda, uthi uthe akugula kunyaka ophelileyo wanemithandazo engenasiphelo, ecela oPhezulu ukuba amnike elinye ithuba kwakhona kwikhondo lakhe lokulingisa alithanda kakhulu.

UThanda, owaduma ngelikaTshawe kuMzi Wezinsizwa, ebethetha eKirkwood kwiveki ephelileyo kumsitho wokuqaphela inyanga yamafa esizwe kwanokuwonga amagqala emidlalo yeqonga.

Vusi Thanda UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UThanda kwakunye noThoko Ntshinga, owayesaziwa njengoJoyce kuVelaphi, ngamagqala athe awongwa kulo msitho.

“Kunyaka ophelileyo ngethuba ndifikelwa kukugula, ndandicinga ukuba ndiza kubhubha. Lonke ixesha ndithetha noThixo, ndandisithi ‘Oh Yhini na Thixo Somandla, andikagqibi. Ndicela undiphe elinye ithuba lokugqibela, ndifuna ukugqibezela’. UThixo wandixolela, ndabona ndiphakama. Ndim lo, ndinemidlalo emibini ekufuneka ndiyenzile,” kutsho uThanda.

Ebalisa ngekhondo lakhe lokulingisa, uThanda uthi ngethuba wayekhula, wayehlala esithi ufuna ukuba ngumchweli (carpenter).

“Ndabona umchweli esenza izitulo ezihle, ndathi ndifuna ukuba ngumchweli ngenye imini. Ndandingayazi ukuba ndandithetha ngantoni, kwaye ndiyavuya ndingazange ndabangumchweli kuba ngenye imini ndadibana nomchweli eBhofolo enxile eludaka, ndagqiba kwelokuba andifuni ukuba njeya. Wayenxilile kakhulu!”

UVusi Thanda noMphathiswa uFezeka Nkomonye UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UThanda uthi uqale ukulandela eli khondo ngokufunda amaphephandaba noolindixesha (magazines). “Ndaqala ukuthanda ukufunda ngoosaziwayo [abafana] nooElizabeth Taylor. Emva koko ndabanothando ngento ababeyenza, ndagqiba kwelokuba mandifane nabo.”

UThanda uthi ukulingisa ayilokhondo labantliziyo zithambileyo. “Kufuneka ubenesibindi ukuze ube ngumlingisi. Ndaqala ukulingisa ngo1980, ndiselapha nangoku kwaye ndiyakonwabela.”

Ecebisa uluntu uThanda, uthe: “Xa ulambile sukukhala, xa kukho umntu okuphethe kakubi sukukhala. Yamkela okunikwayo kuba ngomso uyabuyekezwa. Ndim lo namhlanje, ndisendaweni endingazange ndayicinga.”

UMphathiswa weSebe lezoLonwabo, ezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, uthi ukuthetha ngamafa esizwe kuquka ukuthetha ngegalelo lemidlalo yeqonga kweli lizwe.

“Sinembali entle eteketeke ngegalelo lethu kwimidlalo yeqonga siliphondo leMpuma Koloni. Indlela osigcine ngayo kumabonakude njengoTshawe, yile nto yenza ukuba nanamhlanje sele kuyiminyaka uMzi Wezinsizwa waphelayo sibe kanti sisakhumbula isiqendu nesiqendu,” utshilo uNkomonye.

UNkomonye uthi babekele bucala imali ukuqinisekisa ukuba kulo nyakamali kuveliswa umdlalo (telenovela) apha ephondweni, osebenzisa iilwimi zeli phondo futhi oveliswe ngumntu ozalelwe kweli phondo.

Ebulela ngewonga alinikiweyo, uThanda uthe: Ndifuna ukubulela eli thuba lihle kangaka lokunikwa iwonga. Phaya kuMphathiswa (Nkomonye), yena angathi liwonga lincinane, kodwa kum alikho lincinane. Into ebalulekileyo yinto ebhalwe apha. Andilidelanga tu eli wonga.’