Abantwana bavelise incwadi yesiXhosa ngoncedo lukatitshala

UIviwe Mathe nongutitshala ohlohla ulwimi lwesiXhosa kwisikolo iLower Malepe-lepe Primary kuTsolo, nokwangumbhali osakhasayo weencwadi zesiXhosa, eyemibongo ethi Umgqeku kwakunye neyamaqhalo amatsha esiXhosa ethi Ixoshombe liyahluma nasentsindeni, kwisakhono sakhe sokubhala kwanokuthanda isiXhosa uvelise ababhali abane nebingabafundi bakhe kwesi sikolo.

Aba bafundi abavelisileyo baneminyaka eli14 kuphela kwaye bebesenza uGrade7 kunyaka ophelileyo. Aba nguLihle Mkhwambi, uMandisinde Galawana, Siwaphiwe Mkhwambi kwakunye noEsona Zikolo banencwadi ethi Ugadla neyingqokelela yemibongo yabo.

UMathe uthi aba bafundi ubaqaphele xa wayebahlohla. Waba yalela bonke ukuba umntu makabhale ibali ngokwemvakalelo yakhe, akabanika mxholo, umfundi ngamnye wazakhela umxholo wakhe. Uthi baye bagxila kwimibongo, ababhala mabali, mibongo leyo athi yaye yamchukumisa.

“Ndaye ndayithanda kwaye ndaqaphela ukuba umfundi ngamnye ubhale ngemeko akuyo okanye emrhangqileyo. Omnye wabhala umbongo othi ”Nindishiyeleni bazali bam ndimncinci kangaka?”, ndambiza, ngenene kwafumaniseka ukuba ubhale ngaye, abazali bakhe bamshiya. Loo mibongo ndayixhoma kumnatha wonxibelelwano, abavelisi baseKapa, iNkuthalo Publishers yathi mandithumele eminye iza kubanceda abantwana bapapashe, isithi iya kuvuyela ukubona abantwana abaselula bexabise ulwimi lwabo,” utshilo uMathe.

Uthi abafundi bakhe ebeye abakhuthaze ngokuthi abawonge ngezinye zeencwadi zakhe xa bethe baphumelela kuvavanyo nto leyo ke ibithi ibakhuthaze. Lo titshala uthi ezi zinzame zokuba abantwana balubone luxabisekile ulwimi lwabo kwakule minyaka bakuyo, bangazokulijongela phantsi ebudaleni babo. UMathe uthi ukufika kwencwadi abafundi bakhe babechulumance kakhulu ukubona amagama wabo eqweqweni lencwadi, besithi iya kuba yimbali leyo kubo.

“Ndiye ndithi kubo xa uxabise isiXhosa zazi uxabise wena. Ngokubancedisa ekubeni bapapashe ibikwazinzame zokukhuthaza abanye abantwana bathande isiXhosa sabo,” uvale ngelo uMathe.

Iinkcukacha ezithe vetshe ngale mibongo yabantwana kwakunye neyakhe incwadi enamaqhalo, ungamtyelela kufacebook.