Uphelile uKhanya Gqiyazana, ngoku Sis’ Thoz?

ILIZWI likaSis’ Thoz, ebesele liqheleke ngentlazane kuMhlobo Wenene FM, aliphindi livakale ngeli xesha, oku kuza emva kotshintsho olwenziwe sesi sikhululo sikanomathotholo.

Umhlobo Wenene wenze uhlengahlengiso lweenkqubo nabasasazi ukulungiselela unyakamali omtsha oqala ngoLwesihlanu wokuqala kuTshazimpuzi 2022.

Olu tshintsho lumchaphazele noThozama Ngcongolo odume ngelikaSis’ Thoz kubaphulaphuli bakhe. USis’ Thoz ubuyiselwe kwinkqubo yabantwana ngeCawa ethi Sakh’ abantwana esasazelwa eSABC eKapa. Le nkqubo, esasaza phakathi kwentsimbi yesixhenxe neyesibhozo rhoqo ngeeCawa, kulapho ilizwi likaSis’ Thoz laduma khona iminyaka elishumi elinanye phambi kokuba anikwe uKhanya Gqiyazana.

Olu tshintsho loMhlobo Wenene luchaphazele kakhulu oomakhwekhwetha kwezosasazo nanjengoko esi sikhululo siqala uhambo olutsha lokuphuhlisa ulutsha kweli qonga.

USis’ Thoz uyavuma ukuba kwakungelula ngethuba enikwa le nkqubo ayisasaze iminyaka emibini.

USis’ Thoz, ongunontlalontle ngokwemfundo, uye wabonisa ukukhula kusasazo kwaye eveza ezinye izakhono anazo kwangaxeshanye.

Ngethuba esenza uKhanya Gqiyazana uye wamane ebizwa ngapha nangapha ukuze abhexeshe imisitho kwimicimbi yamasebe karhulumente, kwiinkampani zabucala nakumatheko asekuhlaleni.

USis’ Thoz uyavuma ukuba lona utshintsho lunzima kodwa luye luqheleke.

“Ukuza kuKhanya Gqiyazana yaba lutshintsho olukhulu kum olwandikhupha kwiqokobhe nebhokisi ebendizivalele kuyo, ndaze ndazinikela ngako konke. Endikholelwa kuko ebomini kukuba xa ucango luvala, andikhangeli ispere sesitshixo okanye inkunzi yaso, kodwa amehlo am ndiye ndiwaphose kuMvuli weSango buqu ukuze andivulele iingcango,” kuphawula uSis’Thoz.

Uthi kuKhanya Gqiyazana uye wakhula njengomntu nanjengomsasazi, ebulela abaphathi boMhlobo Wenene ngokumnika ithuba kwanokumthemba.

Uthi nangona ebuyela ekhaya kweleeNtlanzi akayi kusonga izandla, kodwa uyokusebenza noluntu, enikeza ngenkuthazo nentuthuzelo nakwabo balahlekelwe lithemba ngenxa yeCovid-19.

Inkqubo uKhanya Gqiyazana iye yaphela ngokusesikweni ngoLwesithathu wale veki. Ukuqala ngoLwesihlanu umhla wokuqala kuTshazimpuzi kuqala inkqubo entsha eza kwenziwa nguNokubonga ‘Blaq’ Maci.