UMahala ubuye nokutya kwengqiqo nengqondo

Inzalelwane yaseMakhanda, engumbhali wamabali nemidlalo yeqonga, ekwasisifundiswa, uGqirha Siphiwo Mahala, ubuyela ekhaya ezokuthula enye incwadi yakhe entsha ngobomi bentatheli nombhali ophambili, uCan Themba nethi Can Themba: The Making and Breaking of the Intellectual Tsotsi (A Biography).

Lo msebenzi mtsha kaMahala, nokhutshwe ngaxeshanye eMzantsi Afrika, kwelamaNgesi eBhilitane naseMelika uchazwa ngokuba ubalulekile ekuvezeni imbali ngobomi bukaThemba nokubhala kwakhe.

Umbhali waseMzantsi Afrika nohlonitshwa kwihlabathi liphela, uNjingalwazi Zakes Mda, uphefumla athi ngale ncwadi: “ ikunika iingcinga ezintsha, hayi nje ngobomi bukaThemba – nomxholo ugxile kuye kule ncwadi – ixesha aweyephila ngalo, oontanga bakhe, iintshukumo zelo xesha nezaphela zisaziwa ngokuba luvuselelo lweSophiatown .

“UMahala akabalisi nje koko ulizoba kakuhle gca elo xesha kwakunye nomzabalazo walo, de nomfundi azi ukuba kwakunjani ukubalapho kwezo ziganeko,” batsho abapapashi bakhe.

Le yincwadi yesithandathu kaMahala kwaye zonke ezidlulileyo ziphehlelelwe ekhaya eMakhanda kwimisitho ekumila kunje ngalo ucetywayo. Uphehlelelo lwencwadi luza kube lusingathwe yiAmazwi ibambisene nesebe lezifundo zoncwadi kwisiNgesi kwakunye nesikolo sobuntatheli phaya kwiyunivesithi yaseRhodes eMakhanda.

UGqirha Mahala uza kutshayelela oku ngokwabelana ngezimvo namava nababhali abasakhulayo kwithala leencwadi iDuna ekwilokishi iJoza kwalapha eRhini, ngoMvulo, umhla we11 Tshazimpuzi 2022.

Abathabathinxaxheba kolo qeqesho lokuxhobisana baya kuba nenyhweba yokuthiwa jize mahala nguGqirha Mahala ngencwadi yakhe yamabali amafutshane kwiholo eliseAmazwi South African Museum of Literature, 25A Worcester St , Makhanda ngomhla we12 ngentsimbi yesithandathu.

Okuthe vetshe kufumane kuMnu Zongezile Matshoba ku-046 622 7042 / 084 681 7370 okanye kule meyile: z.matshoba@amazwi.museum