Oonyana babulele uyise kuba ebulele inja!

Baseluvalelweni oonyana ababini ababethe utata wabo de wabhubha kuba ethe wabetha inja yekhaya wayibulala, kwikhaya labo kwilali yaseMbotyi eLusikisiki.

Oonyana, omnye unamashumi amabini anesixhenxe ubudala logama omnye enamashumi amabini anesithoba ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kuSajini Kaya Matola-Mvanyashe, utata (74) ebehleli nonkosikazi wakhe kwakunye nentombi yabo ngorhatya lwangeCawa, ngethuba ebetha inja de yafa kuba itye amaqanda kwakunye namantshontsho enkuku.

Oonyana balo tata bonde ngotata wabo bembetha bamonzakalisa entloko, kuba ebulele le nja.

Utata uye wabalekiselwa kwisibhedlele iSt Elizabeth esiseLusikisiki nalapho abhubhele khona.

Oonyana bakamfi, baye babalekela kwilali iMzizangwa kwaseLusikisiki, nabaye babanjwa khona ngamapolisa.

Ngoku oonyana bajongene netyala lokubulala, kulindeleke bavele phambi kwenkundla yamatyala eLusikisiki kungekudala.

Baseluvalelweni oonyana ababini ababethe utata wabo de wabhubha kuba ethe wabetha inja yabo wayibulala, kwikhaya labo kwilali yaseMbotyi eLusikisiki.

Oonyana omnye unamashumi amabini anesixhenxe ubudala logama omnye enamashumi amabini anesithoba ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kuSergeant Kaya Matola-Mvanyashe, utata (74) ebehleli nonkosikazi wakhe kwakunye nentombi yabo ngorhatya, ngethuba ebetha inja de yafa kuba itye amaqanda kwakunye namantshontsho. Oonyana balo tata bonde ngotata wabo bembetha kuba ebulele inja nabamonzakalise entloko.

Utata uye wabalekiselwa kwisibhedlele iSt Elizabeth esiseLusikisiki nalapho abhubhele khona eyokunyangwa umonzakalo entloko.