Iinyembezi kusapho olubulawelwe unyana yinkazana

UBonga Dila ongasekhoyo owahlatywa wabulawa yinkazana yakhe eNorthCrest eMthatha.

Usapho lakwaDila kwindawo yaseMmangweni eNgqeleni oluphulukene nonyana walo uBonga, 40, owahlatywa wabhubha ngumama womntwana wakhe kwinyanga kaTshazimpuzi, luthi kusenzima ukwamkela ukuba uBonga akasekho kulo mhlaba nobengoyena mntu ujonge ikhaya.

Olu sapho lincokolela I’solezwe lesiXhosa luthi okona kwenza kube nzima ukwamkela luhlobo amke ngalo. UBonga uhlatyelwe endlini yakhe eNorthCrest eMthatha yintombazana abesele eneminyaka ethandana nayo kwaye banomntwana oyintombazana oneminyaka elishumi elinanye (11).

Ingxelo ephuma kwilungu losapho, uMzimasi Dila, ithi ubhuti wabo obeyinto yonke kubo wahlatywa ngulo mama womntwana ngenxa yesikhwele kuba wayekhweletela enye intombazana awafika isendlini.

Umama womntwana wahlaba uBonga ngasentliziyweni emva koko xa embona ukuba uyaphela linxeba amhlabe lona wamthatha embalekisela esibhedlele iMandela newaye waphelela endleleni.

Ingxelo ithi kudala uBonga ephethwe gadalala yile ntombazana kuba ebethetha kubantakwabo, kwaye ebeye ayilahle kodwa baphinde babuyelane.

“Ubhuti ingxaki ebengenguye umntu othanda into embi, ibingumntu othandekayo, owaziwayo kula Mthatha ngumntu wonke kwaye ke ebengumntu othethayo ongafihliyo kuba ingxaki yakhe nomama womntwana wakhe ebeyithetha, kuba ebekhe adumbe futhi asixelele ukuba besilwa kwaye uyaxhatshazwa ngumama womntwana wakhe,” utshilo uMzi.

UBonga ebesebenza kwaVW eMthatha kwaye ethandwa nangabaphathi kuquka nabathengi njengoko ibingumntu olincoko. Ingxelo ithi uBonga ebemthanda kakhulu umntwana wabo njengoko bekungekho nto yogqitha umntwana wakhe. Kodwa kunjalo umntwana zange aye esifihlweni sikatata wakhe. Ingxelo ithi umama womntwana ngowaseMonti, eMthatha waya ngokomsebenzi.

Umama womntwana lo useziseleni njengoko wazisa ngokwakhe emapoliseni. Uvelile kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu kwiNkundla ePhakamileyo yamatyala eMthatha. Isicelo sebheyile asamkelwanga, uza kubuyela kwakhona ngomhla we17 kule nyanga.

UMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uNomthetheli Mene uthi amatyala okuxhatshazwa kootata nawo mawaze ngaphambili kwenzele ingalo yomthetho idlale indima yawo. Amadoda mawathethe, iGBV ayikho kwicala elinye.