Umfundi waseWSU uza kugweba kwiSA Radio Awards

UMFUNDI owenza izifundo zobuNtatheli kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMonti, uOlwethu Yamba, azange nangemini enye acinge ukuba angaze abe ngomnye wabagwebi kwiimbasa ezinkulu zikanomathotholo, iSA Radio Awards.

Kulo nyaka, uYamba, uza kube ephakathi kweejaji ezihluza oonomathotholo nabasasazi abatshatsheleyo kusasazo loMzantsi Afrika, kodwa oku akukakholeleki kuYamba.

Eli tyendyana laseMsobomvu, eGcuwa, lixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba liziva liwongekile.

“Azange ndayicinga ukuba ingenzeka kumntu ofana nam, okhule engabonelwa ntweni nokhule amaphupha akhe ehlekwa xa ebalisa ngawo,” kutsho uYamba.

Okwenza uYamba onwabe kukuba uza kube esebenza ngosasazo, ikhono alithanda kunene.

Wayekhe wangumsasazi wenkqubo yangentlazana eLukhanji FM, nesisikhululo sokuhlala kuKomani, awaye wasishiya emva kweminyaka emibini kuba efuna ukuya kufunda banzi ngosasazo.

“Ndagqiba kwelokubuyela esikolweni ngoba ndandifuna ukwazi ngcono kwaye ndandise ulwazi lwam ngezosasazo,” kuphawula uYamba.

UYamba, oneSatifikethi sezoSasazo [Certificate in Broadcasting] uthi ukhule ebawela ukufana noDJ Luks Gidane woMhlobo Wenene ngethuba esabhexesha inkqubo ethi International Top Thirty [ITT].

“Bendimamela yena, ingoyena msasazi usenyongweni kum. Nguye owandenza ndanqwenela ukubanephupha lokuba ndingangumsasazi kunomathotholo.”

UYamba wabonwa ngomnye wabagwebi bezi mbasa kwiqonga lezonxibelelwano, waze wamkrwecela bucala.

Usenamaphupha akhe ngeli candelo lezolonwabo, ingakumbi unomathotholo.

“Enyanisweni ayikho into eza kundonwabisa ingathi kukubona amaphupha am ephumelela, ndiyanqwenela ngenye imini ukuba ndisasaze, ndiqulunqe, ndiphinde ndivelise iinkqubo zeendaba zikamabonakude nezikanomathotholo. Ndiyabawela ukubangumphathi weenkqubo kwesinye isikhululo endingazi kusithi pa-ha emoyeni,” ugqibezele watsho, ehleka.