Isixa semali ngokubulawa kukaNamhla

AbeNkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni baphisa ngemali ekumakhulu amabini amawaka eerandi (R200 000) kulowo unokuza nolwazi ngaphambili olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa obandakanyeka ekubulaweni kukaNamhla Mtwa.

UMtwa, 35, wafunyanwa egwintiwe ekhayeni lakhe eliseSidwadwa eMthatha ngentlwa yomhla wama21 kuTshazimpuzi 2022.

Kutyholwa ukuba eli nenekazi ladutyulwa lwahlanz’ iselwa lungaphakathi kwinqwelo yalo ngumntu ongaziwayo ngethuba lifika ekhaya eSidwadwa.

Lachanwa ziimbumbulu kumzimba ongasentla, laze lachazwa njengelingasekhoyo kwindawo leyo yeshwangusha.

OnguMlomo emapoliseni kula mmandla, uBrigadier Tembinkosi Kinana, uthi uphando luyaqhutywa ukuze kube kubhaqwa umenzi wesi senzo.

“Imali ekunikiswa ngayo yinxalenye yophando oluqhubayo, ngoko ke nawuphina umntu onokuza nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni, utshutshiso oluyimpumelelo nasekugwetyweni komenzi owenza oku kuNamhla Mtwa, makeze ngaphambili,” kutsho uKinana.

UKinana uthi kulowo unokwabelana nabo ngolu lwazi lubalulekileyo angaqhagamshelana noBrigadier Venetia Masingi kwa: 082 040 6751 okanye atsalele kwaCrime Stop kwinombolo engu: 08 600 10111.

Lonke ulwazi oluza ngaphambili lwakuthathwa njengoluyimfihlo.