OwaseMdantsane ngumsasazi omtsha weKids News

UMHLONTLO Buhle Geleba uthe akuphelelwa lithuba ebenalo kumabonakude, kanti kuza elinye kwinkqubo yeendaba zabantwana kuSABC1.

UGeleba, 22, usandul’ ukuqeshwa sesi sikhululo siphambili kumabonakude woMzantsi Afrika njengomfundi weendaba zesiXhosa.

Ebefudula ekwiLockdown House Party ebisasaza kuChannel O, kanti wakhe wathi tshe ithutyana kwiYoTV. Noxa kunjalo, uthi khange afumane bunzima ekungeneni kwicandelo leendaba nanjengoko usasazo iyinto akholelwa ukuba uyayiphila.

Eli gqiyazana lithi laye lathegwa kumakhasi onxibelelwano zizihlobo zakube zibone eli thuba lokwenza iodishini yokukhangela umsasazi wezi ndaba.

UGeleba ukhuliswe ngumakhulu notatomkhulu wakhe eMdantsane. Unesidanga saseWits University kwiBA in Media and Sociology kwaye ngoku wenza iiHonours kwiMedia kwalapho eWits.

Uthi ukonwabele ukufumana eli thuba litsha ebomini bakhe bezosasazo.

“Ndilonwabele kakhulu eli thuba kwaye nabo bandithandayo bebekholelwa ukuba ndiza kulifumana. Bendikhangela amanye amathuba kumabonakude emva kokuphela kwebelikho ngaphambili,” kutsho uGeleba okwanguMseki weMBG Entertainment neyinkampani yakhe yezoLonwabo.

UGeleba uqale ukusasaza eneminyaka elishumi elinambini kwaye ukwalilungu leUN Youth Advisory Panel.

“Bendifuna ukuzibona ndingomnye wamanina kusapho lwam aveleleyo kumakhondo akuwo,” kutsho uGeleba, okwabulela inkxaso yamanina kusapho lwakhe athi amxhasile, amqhubela emaphupheni akhe.

Igama likaGeleba lokuqala elithi Mhlontlo yayikwaligama likamalume wakhe ongasekhoyo.

IiKids News zisasaza ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngentsimbi yesithandathu ekuseni kwiSABC1.