Halala! kumfama onguNontuthuzelo Mbele

Emva kokuzinikela kumsebenzi wokuvelisa imifuno obangele ukuba akwazi ukuqesha abantu abatsha baseGoso eMaxesibeni, uNontuthuzelo Mbele yintshatsheli yesithi iAlfred Ndzo.

Kwiinzame zokukhulisa amafama angamanina asaqalayo, iSebe lezoLimo noPhuhliso lwaMaphandle lasungula iimbasa ezijoliswe kumanina angamafama. UMbele uphumelele imbasa yokuba ngoyena umfama olinina ophume izandla ukuvelisa imifuno ngenxa yomsebenzi wakhe.

Ngonyaka ka2014, uMbele waqalisa ilinge lokuvelisa ukutya esenzela usapho lwakhe imifuno ukuba litye, kodwa oku kwakhula. Ngenxa yokukhula komsebenzi wakhe uMbele waqalisa ukungenela iimbasa zamafama angamanina kwakwesa sithili saseAlfred Ndzo.

“Ngo2019 ndandingenele olu khuphiswano ndaphumelela, nakulo nyaka ndingenele ndaphumelela, ndibulela kuNkulunkulu ngako konke okwenzekileyo kumsebenzi wam,” uthethe watsho uMbele.

Amafama asezilalini zeMpuma Koloni asoloko ekhangela iindlela zokukhulisa umsebenzi wawo ukuze akwazi ukuthengisa ngamanani aphezulu.

“Oku kuthetha ukuba umsebenzi wam awunakuphela, koko ndiza kuqhubeka ndivelisa imifuno ukuze ndigcine abasebenzi bam bephangela,” ucacise watsho uMbele.

Ngemali awayiphumelela ngo2019, uMbele wathenga amatanki wamanzi ukuze akwazi ukugcina amanzi wokunkcenkceshela.

“Kulo nyaka ndiza kuthenga amatanki amakhulu kunala ndinawo, injongo kukukhulisa imveliso yam yenyama yenkomo, imifuno, iinkukhu kwakunye nenyama yehagu endisebenza ngazo apha,” utsho uMbele.

Iimveliso zakhe zisemgangathweni kuba zingqinelwa kukuthengwa zivenkile eziphambili zokutya.

“Ndithengisa iimveliso zemifuno yam kwaSpar nakwaSpargs kwihotele ekufuphi nakwizikolo ezingqonge le ndawo yaseGoso,” kutsho uMbele.

Amaxesha amaninzi amafama asezilalini ingakumbi angamanina asoloko edinga iindawo anokuthengisa kuzo iimveliso zawo ngenxa yokusilela ukufumana ulwazi. Amafama angamanina aphumelele kwezi mbasa kwinqanaba lesithili kulindeleke ukuba angenele ukhuphiswano leembasa kwinqanaba lephondo.

Iimbasa ezinika imbeko kumsebenzi wamafama angamanina sele zineminyaka ziqhuba phantsi korhulumente weMpuma Koloni. Ezi mbasa zikhuthaza, zikwavuselela amafama angamanina kumsebenzi wawo wokuvelisa ukutya. Izipho ezinikwa la mafama kwinqaba lephondo zingentla kwezo bazinikwa xa bekwinqanaba lezithili abaphuma kuzo.

UBuhlebuyeza Nodolo nguMphathi kwiSebe lezoLimo noPhuhliso lwaMaphandle kwisithi saseAlfred Ndzo.

“Amafama ebengenele kolu khuphiswano abonakalise ukuba ebeqeqeshwe ngokufanelekileyo, ulwazi lwawo lukumgangatho ofanelekileyo,” kutsho uNodolo.

ISebe linceda la mafama ngeenjongo zokuba akhule ngeendlela ezininzi, kutsho uNodolo.