‘Ndaqala ngeehagu ezintathu kuphela’

ULulutho Gangathela umfama omtsha waseNgxakaxa eDutywa. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

ULulutho Gangathela ngumfama osemncinci onothando lokwenene lokulima nokufuya eNgxakaxa eDutywa. Nangona efunde wayityekeza kwizifundo kwinzululwazi yezityalo, udinga umsebenzi nje ngabaninzi abadinga umsebenzi kweli loMzantsi Afrika.

UGangathela akavumanga ukuba ingxaki yokuswela umsebenzi imenze ukuba akhedame ekhayeni ecaleni kwendlu. “Ndingumfama wezifuno, imfuyo equka iinkukhu kwakhunye neehagu, ndiqale konke oku ngonyaka ka2020, ndaqala ngeehagu ezintathu kuphela,” ucacise watsho uGangathela.

Ngenxa yokuzinikela kwakhe nokusebenza nzima uGangathela uthengisa iihagu eziphilayo, kwakunye nenyama yazo nemifuno ayityala yonke imihla. “Ndithetha nje ndineehagu ezingamashumi amabini anesihlanu, ndixhela kuzo, ndiphinde ndithengise inyama yazo ngoku njalo,” kutsho uGangathela.

Uninzi lolutsha leli lidinga umsebenzi ngenxa yezinga lentswelo ngqesho eliphezu kweli loMzantsi Afrika. “Eyona njongo yam yexesha elide kukuba ndibengumfama ophume izandla kwihlabathi, ndigalele nam kwinzame zokuveliswa kokutya,” kutsho uGangathela. ISebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni lincedisana nolutsha ngendlela ezininzi ukuba akwazi ukuzalisekisa iinjongo zawo kwezolimo.

“Ndikholelwa ukuba usikelelekile osebenza ngendalo kaThixo, uyakuzuza ubutyebi basemhlabeni,” ukhuthaze watsho uGangathela. UGangathela ucebisa abo basacinga ukuqala ukulima nokufuya ukuba bade baqalise bayeke ukucinga, ukuceba nokuthetha.

“Kufuneka uzinikele emsebenzini wakho ungatyhafi ungajiki, ungavumi nto enokwenza ukuba usuke kwimbono zakho zokulima nokufuya,” utsho uGangathela. Ukulima nokufuya kuphunyelelwa kuphela ngabo bakwaziyo ukunyamezela nokuhlala uqinisekisa ukuba uqhubela phambili yonke imihla.

“Kufuneka ukuba amafama afunde ukuvuka ekhukweni enze umsebenzi wawo ngaphandle kokulindela abanye abantu, uyithande lento uyenzayo,” kucacisa uGangathela.

Baninzi abantu abatsha abafana noGangathela abahleli emakhaya nezidanga ezininzi, bambi kubo abaliboni ithuba elinokuvuleka ngenxa yokulima nokufuya. “Awunakuqala ukulima nokufuya uze ulindele abanye abantu ukuba baqalise ukwenzela wena umsebenzi kufuneka ukuba ukhokele ngomzekelo ngamaxesha onke, abantu bakho babone kuwe,” ucebise watsho uGangathela.

Uthi amafama kufuneka afunde ukwamnkela nokuxabisa abo babancedisayo kumsebenzi wabo wokulima nokufuya. “Ngokuxabisa abantu abakuncedayo uyakubona ishishini lakho lokulima nokufuya liphumelela, liqhubela phambili kungene imali,” utsho uGangathela.

Ngenxa yenzame ezifana nezikaLulutho Gangathela angavuleka amathuba emisebenzi nakwabo badinga imisebenzi kwilizwe loMzantsi Afrika.