AbaPhathiswa bezolimo behlabathi eItaly

UMpathiswa uThoko Didiza eRoma eItaly kumcimbi wabaPhathiswa bezolimo kwihlabathi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso eMzantsi Afrika uThoko Didiza useRome eItaly kwindibano yabaPhathiswa bezolimo abangaphezu kwekhulu abaphuma kwihlabathi. Le ndibano ibizwa rhoqo emva kweminyaka emibini ngumbutho iFood and Agricultural Organisation phantsi kombutho wezizwe ezimanyeneyo.

Injongo ephambili yale ndibano osisithethi kwiofisi kaDidiza uReggie Ngcobo uthi lendibano izakushukuxa imicimbi yezolimo kwihlabathi ngokubanzi. “Kulindeleke ukuba lendibano ixoxe ngenkqubo ezizakuqhubeka ukukhuthaza ulimo kwihlabathi phantsi kweFood and Agricultural Organisation,” utsho uNgcobo.

Umcimbi wabaPhathiswa bezolimo kwihlabathi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Le yeyamashumi amane anesithathu indibano yalo mbutho eqhutyelwa kwi ofisi zekomkhulu lalo mbutho nezi zinze kweRome eItaly. “Ukusukela ngomhla wokuqala ukuya kumhla wesixhenxe kule nyanga yeKhala aba baPhathiswa bazakucebisana ngendlela zokukhulisa ulimo nokufuya ukuze kuliwe ingxaki yokunqongophala kokutya kwihlabathi,” kucacisa uNgcobo.

Kukwalindeleke ukuba konyulwe isikhokelo esitsha sombutho weFood and Agricultural Organisation kuquka nesikhundla sikanobhala walo mbutho. “Umongo wengxoxo kulo nyaka uzakuba kumcimbi wamanzi kumafama ehlabathi, kuzakukhangelwa amacebo okuba iliwa njani ingxaki yamanzi ukuze kuveliswe ukutya ngokwaneleyo kwihlabathi,” kutsho uNgcobo.

Amaqela ahlukeneyo aba baphathiswa azakufumana ithuba lokuxoxa imicimbi emayela nokuveliswa, ukukhuselwa, ukugcinwa nokwandiswa kwamanzi kwihlabathi. “Amanzi yenye yezinto ezibaluleke kakhulu kwinkqubo yokulima nokufuya, kodwa kunjalo amanzi ajongene nemiceli mngeni emininzi kakhulu,” uhambisa atsho uNgcobo.

UMpathiswa uThoko Didiza nabaPhathiswa bezolimo abaphuma kwihlabathi kwindibano eRoma eItaly. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Amanzi achatshazelwa zingxaki ezininzi ezenza ukuba angabikho kwihlabathi ngokubanzi eziquka iimbalela, umozulu eguqukayo nokungcola kwamanzi okuthi kuchaphazele izityalo. “Ingxaki ezichaphazela amanzi kwihlabathi zibangela ukuba kuhambe ngonyawo lonwabu ukuveliswa kokutya kwihlabathi, ngoko ke kumele ukuba kukhangelwe isisombululo kule ngxaki,” ugadlele watsho uNgcobo.

Ukutyunjwa konobhala omtsha walo mbutho ngowona msebenzi uphambili ekulindeleke ukuba wenziwe ngaba baPhathiswa phambi kokuba iqukunjelwe lendibano. “AbaPhathiswa bezolimo bamazwe aseAfrika bambe eyabo indibano bezama ukuba bakwazi ukuthetha ngazwinye, kuba ingxaki zaseAfrika ziyafana,” kutsho uNgcobo.

AbaPhathiswa baseAfrika kulindeleke ukuba batyumbane abathile kubo ukuba bathethe egameni lelizwekazi laseAfrika. Iingxaki zolimo zaseAfrika ziphantse zifane xa uthelekisa ilizwe nelinye ilizwe.