Usondele umhla wokuphela kwamanzi eKapa

EKAPA: USONDIZIWE ngeveki ezimbini umhla wokuphela kwamanzi apho kuyakuvalwa zonke iimpompo eNtshona Koloni nanjengoko kusanda ukusetyenziswa kwamanzi ngezinyanga zehlobo.

Lomhla ubizwa ngo “Day Zero” uyakufika mhla amadami anamanzi angange 13.5%. Bekuqikelelwa ukuba lemini ingafika ngomhla we 13 kwekaCanzibe kunyaka ozayo kodwa ngoku ilindeleke ngomhla we 29 kuTshazimpunzi.

Isixeko saseKapa sithi ehlile amanzi emadamini nge 1.1%. Kungokunje ame ku 33% kwaye ukusetyenziswa kwamanzi kwande nge litha eziyi 640 million ngosuku.

UZara Nicholson, isithethi sikaSodolophu waseKapa uPatricia de Lille uthi yi34% yabahlali kuphela abonga amanzi. Kungokunje isixeko sizakuthabatha amanyathelo angqongqo sifakele izixhobo (devices) eziyi 40 000 ezizakulawula ukusetyenziswa kwamanzi kwabo banenkcitho okanye bamosha amanzi ukususela kweyoMqungu kunyaka ozayo.

Isixeko sizakuza kuphumeza (implement) uLevel 6 water restrictions ngomhla wokuqala kweyoMqungu apho zonke izindlu ezisebenzisa amanzi angaphaya kwe kilolitres eziyi 10.5 ngenyanga zizakufakelwa ezizixhobo.

Isixeko sele sifake izixhobo eziyi 21 000 ezilawula ukusetyenziswa kwamanzi kwabo banenkcitho kwaye sithi sizakuqhubekeka.

“Ukuba kuyenyuka ukusetyenziswa kwamanzi, kunye nokwanda komoya oshushu owandisa amathuba okunqongophala kokuguquka kwamafu abengamanzi (evaporation) uDay Zero singamlindela ngomhla we 18 kweyoKwindla. Lonto ithethe ukuthi silinde into eyoyikisayo,” utshilo umlawuli we Water and Sanitation uPeter Flowers.

“Abakwindawo ezisemgangathweni ngabo abasebenzisa amanzi kakhulu. Ukuba singathoba izinga lokusetyenziswa kwamanzi liyokutsho kwi litha eziyi 500 million ngosuku, singamnqanda uDay Zero,” utshilo.

UFlorence Nogaga onegadi yemifuno ePhilippi uthi kuyamxhalabisa okukuphela kwanzi kulindelekileyo kuba uzakuphelelwa sisonka sakhe. “Mna ndiphila ngokulima ze ndithengisele abahlali ukuze nditye kwaye ndithumele nemali kumama eMpuma Koloni. Andisalimi njengakuqala oko kwathi kwabhengezwa ukunqongophala kwamanzi. Kunamaxesha endingavumelekanga ukuba mandinkcenkceshele kuba ndisonga amanzi. Kwaye andisafumani lamali ndandiyenza ngenyanga. Ndandiyizuza ne R10 000 kodwa ngoku kunzima ukufikelela kwakwi R5 000,” utshilo.

ULuvo Xhapheni ophila ngokuhlamba iimoto uthi oko kwafakelwa isixhobo sokulawula ukusetyenziswa kwamanzi kowabo uyasokola. “Ndihambe ndithenga amanzi ngoku. Lonto iyandichana kuba sibaninzi kwelishishini ngoko akukho siqinisekiso sokuba amanzi owathengileyo azakusebenza kuba awuyazi zingaphi iimoto ezizakufika,” utshilo.