Abafana Bes’thende bagubungele iSundowns emdlalweni obunzima

Andile Jali of Mamelodi Sundowns challenged by Danny Phiri and Lindokuhle Mtshali of Golden Arrows during the Absa Premiership 2019/20 match between Golden Arrows and Mamelodi Sundowns at the Sugar Ray Xulu Stadium, Clermont on the 10 November 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UPitso
Mosimane ulinikele umva ibala ezikrwempa intloko emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga
ukuphumelela umdlalo eliqale ngokuwulawula. Abafana Bes’thende bagubungele
iMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni we-Absa
Premiership obunzima eSugar Ray Xulu Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.
Abadlali bamaqela omabini kuye kwanyanzeleka okokuba badlale ebaleni elithe
gabhu emanzini emva kwemvula ebisina ngamandla KwaZulu-Natal imini yonke yanamhlanje. Okwenza
iziphumo zanamhlanje zibe krakra kwiSundowns kukuba iphose ithuba lokucutha
umsantsa wamanqaku alishumi ophakathi kwayo neKaizer Chiefs ebethe i-Orlando
Pirates ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) eFNB Stadium izolo. Nangona imeko
yebala ibimbi kakhulu – kodwa wona amaqela avelise umdlalo obusemgangathweni
ophezulu futhi onentaphane yamagowuli.

Amakhwenkwe
kaMosimane awuthathele kuwo umdlalo njengoko eqhele ukwenza kakade emidlalweni
xa edlala namanye amaqela. Ngenxa yemo yezulu, akukho mathuba amaninzi
avelisiweyo emdlalweni – kodwa uLyle Lakay ufake iguwuli leSundowns emva kwebhola
entle ayinikelwe nguTebogo Langerman ekunxele. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
kukhangeleka ngathi iDowns ingawafumana amanqaku amathathu eSugar Ray Xulu
Stadium. Zijikile izinto kwisigaba sesibini. Abafana Bes’thende babuye
benamandla futhi beyihlasela macala iSundowns. UKnox Mutiwa ubhakuzelise
umnatha kabini yatsho iGolden Arrows yahamba phambili emdlalweni esokoleyo
ukudlala umdlalo ocacileyo kuwo kwisigaba sokuqala. Elinye igowuli leGolden
Arrows lifakwe nguDanny Phiri. Igowuli lifakwe ngu-Andile Jali umdlalo
sowukekele unike abadlali beDowns ithemba lokubuya nenqaku elinye okungenani –
kodwa balwe kwade kwasekugqibeleni Abafana Bes’thende. Komnye umdlalo, iBlack Leopard ibethe iCape Town City ngo’2-1.

 

Arrows: Sibanda, S.Dube, Sibisi, Mathiane, Lunga, Makhubela,
Phiri, Shitolo, Parusnath, Mtshali, Mutizwa.

Amalalela: N.Gumede, L.Dube, Nkombelo, Sibeko,
Venter, M.Gumede, Sibiya.

Sundowns: Onyango, Langerman, Ngcongca,
Madisha, Jali, Coetzee, Lebusa, Morena, Mkhulise, Lakay, Affonso.

Amalalela: Mweene, Meza, Arendse, Vilakazi,
Ngoma, Lukhubeni, Seabi.