Abhengeziwe amagama wabadlali abaya kwiCosafa Women’s Championship

Desiree Ellis coach of South Africa during the COSAFA Women's Team Announcement on the 27 August 2018 at SAFA House/ Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weqela
lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, iBanyana Banyana,
uwabhengezile amagama wabadlali abaza kuthatha inkxaxheba kwitumene ekuthiwa
yiCosafa Women’s Championship. UDesiree Ellis ukhethe iqela labadlali
elomeleleyo aza kuya ngalo kwiCosafa ezakube ibanjelwe eBhayi (Port Elizabeth) ukusukela ngomhla weshumi
elinesibini ukuya kumashumi amabini anesibini kwinyanga ezayo. UMzantsi Afrika
waba ziintshantsheli emva kokuphumelela eyona ndebe enzima edlalwa ngamazwe
asemazantsi ezwekazi le-Afrika.

Kwiqela labadlali
acinga ukuba lakuthi likwazi ukukhusela indebe eyaphunyelelwa nguMzantsi Afrika
kunyaka ephelileyo eZimbabwe – uDesiree Ellis uqinisekise ukuba iintsika zakhe
athembele ngazo zikhona kwaye uxube abadlali abadlalela amaqela alapha eMzantsi
kunye nabo badlalela amaqela angaphandle kwemida yeli lizwe. Ingqala lomdlali
okwanguKapteni, uJanine van Wyke, lizakube likhona kwaye likhokela uMzantsi
Afrika. UVan Wyk wawunikela umva uMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo kwaye ngoku
udlalela iqela laseMelika (USA).

Banyana
Banyana:

Oonozinti: Kaylin Swart (Menlo College USA),
Roxanne Barker (USC Ladies), Andile Dlamini (Mamelodi Sundowns)

Amadlali basemva: Lebohang Ramalepe (Ma-Indies),
Nothando Vilakazi (Falcons FC), Janine van Wyk (c) (Houston Dash, USA),
Bambanani Mbane (Bloem Celtic), Regina Mogolola (AmaTuks)

Abadlali basesiswini: Kgaelebane Mohlakoana
(Bloem Celtic), Kholosa Biyana (UKZN), Refiloe Jane (Canberra United,
Australia), Thato Letsoso (UJ), Nompumelelo Nyandeni (JVW), Hildah Magaia
(TUT-PTA), Linda Motlhalo, Thembi Kgatlana (Houston Dash, USA)

Iifolosi: Jermaine Seoposenwe (UWC), Melinda
Kgadiete (Bloem Celtic), Chantelle Esau (Mamelodi Sundowns), Noko Matlou
(Ma-Indies)