Amabhokobhoko abhekise imibombo e-Australia

Iqela leSpringbok lintingele eBrisbane ngoMvulo, baye kumalungiselelo omdlalo wabo kunye neeWallabies we-Championship ngoMgqibelo.

“Xa sindwendwela e-Australia siqhele ukuhamba kwangethuba, ukwenzela sifumane ithuba lokuphumla ngokwaneleyo, kodwa ke kulo unyaka alikho elo thuba,” utshilo umqeqeshi uHeyneke Meyer.

“Sele sikwazile ukulungisa indawo ezithile oko sithe sadibana, kwaye umdlalo kunye ne-World XV usincedise kakhulu ukwenzela sizibone ukuba kumaxa sime ndawoni na. Owona mceli-mngeni kule veki kukuba silungise kancinci kwezo ndawana sibethakala kuzo.

“Kuza kufuneka sizimisele kakhulu xa sidlala neeWallabies, iza kuba ngumdlalo onesantya esiphezulu kwaye ngumdlalo wovavanyo nelinye lamaqela amakhulu kwihlabathi,” wangeze ngelitshoyo.

“Babenamaqela amabini kwimidlalo ephambili kwamagqibela kankqoyi ye-Vodacom Super Rugby yalo nyaka, lo nto ibonakalisa mhlophe ukuba bomelele kakhulu ngaphakathi kwiqela labo.”

UMeyer namhlanje kulindekele ukuba abhengeze iqela lakhe elinabadlali abangamashumi amabini anesithathu eliza kudlala eSuncorp Stadium ngoMgqibelo. UMzantsi Afrika akadlali kakuhle kweli bala, kodwa ke bakhe bakwazi ukubetha iWallabies ngonyaka ka-2013. “Phambili kwalo umdlalo iSpringbok zange yayibetha i-Australia eSuncorp kwaye nangona lo mdlalo wawudlalwe kwiminyaka emibini edlulileyo, singathanda ukwakhela phezu kwawo,” utshilo uMeyer.

UMzantsi Afrika uphumelele imidlalo emithathu kuphela, kwengamashumi amabini anesithathu abayidlale neeWallabies, badlale ntanganye komnye. Babethwa ke kwelishumi elinesibhozo.