Uvuyo kuNgema ngomdlalo iGold Diggers

wonwabile umlinganisi ozakhele udumo ngokudlala kwimidlalo yeqonga nakwiifilim eziphambili . Izokubonakala kwiGold Diggers ezoqala ngo-Agasti ku-e.tv.  

UMbongeni Ngema weWoza Albert, Magic At 4am, Sarafina, Zulu neminye imidlalo neefilim, Uthe ,uya kuwo ngenxa yokubhalwa kwawo ukuveza indlela abaphila ngayo abantu. “nditsalwe kukuba sikhule sisiva ngabantu abasemgodini, kodwa singenalwazi ngayo.”  

nemiceli-mngeni abantu abajamelene nayo.”Ngoku kuthethwa into yaseMarikana, nalapho bambalwa abaqonda kakuhle okwenzekayo.

“Ndivume kuba ndifuna ukubakufutshane nokwenzeka emigodini , kwimbali akukho namnye umsebenzi mgodini osisityebi kuba ebesebenza khona. Uthi uyakhetha akamkeli nokuba yintoni. “Andinguye umntu othatha nokuba yintoni evelayo”. Uthi udlalile kwedidiyelwe apha eMzantsi Afrika naphesheya  nto leyo ayifunayo, eminye yayo yiSaints and Sinners neSophiatown awayesebenza kakhulu kuyo no-Angus Gibson weSibaya , kuba akathandi ukuzibona esemdlalweni ongeyonyani ngempilo yabantu. Ukuphikile ukuba unyevulele lo mdlalo kushicilelwa kwiiveki ezidlulileyo. “Ndenza isivumelwano nabadidiyeli sexesha lokusebenza ukuze ndiqhubeke nemisebenzi yam. Andizange ndashiya phantsi umsebenzi.”Oyintloko yezokwazisa  kwa-e.tv uMatla Ragoasha uqinisekisile ukuba bayavuya ukufumana le ngqanga. UNgema uzodlala indawo yendoda enesithembu uPatrick Gumede.  “UPatrick yindoda esebenza emigodini kwaTeba ,sele echithe ixesha elininzi esemathunjini omhlaba ,ufumana imiceli-mngeni xa sele ephumile kufanele aphile impilo eqhelekiyo ngaphandle.”Uthi emakhaya eNatal uPatrick unamakhosikazi amabini, aliphethe kakuhle ikhaya. Umceli-mngeni anawo ngowokuba ngutata oliphethe ngendlela ikhaya engaphilanga kakuhle. Utihi gqi nesigqibo esimfakela amehlo nesishiya abanye bebambe ongezantsi,” utsho. Nakuba inkcazelo ngendawo azoyidlala inokufana neyakhe njengokuba naye enesithembu kodwa uthe ayiso sizathu esimenze wathatha le ndawo ayilinganisayo. Mayela nomtshato wakhe nomsasazi woKhozi uMroza Buthelezi ucele ukungahlomli wathi ucela kuthethwe  ngeGold Diggers kuphela. Ngokomthombo osondelene nalo mdlalo, bazingomba isifuba abakwa-e.tv ngokukwazi ukufumana abalinganisi abathathwa njengabaphambili  kweli. “Iyaziwa injongo yabakwa-e.tv kulo nyaka, kukumisa mantsantsa izikhululo zikamobonakude abakhuphisana nazo yilo nto  besemkhankasweni wokuba nemidlalo esezingeni eliphakamileyo nexhobe ngabalinganisi abaziintandane kubabukeli kweli. IGold Diggers izoqala ngenyanga ezayo xa kuphela isizini ye-Ashes To Ashes.”