Bakho abantu abafuna ukuchitha iSAFA, utsho uLuwaca

Umongameli weLocal Football Association eSakhisizwe, uLuwaca, ubatyityimbisele umnwe abantu athi bafuna ukuchitha iSAFA kule ngingqi. Oku ukutsho kwintlanganiso ebibanjwe sisigqeba seLFA namaqela kutshanje.

Le ndedeba ithe abaphathi bamaqela mabangazonwabeli iitumente eziziswa ngamashishini amakhulu kanti zizokuphazamisa iinkqubo zeSAFA. “Singazivumeli iitumente ezidlalwa zingaziwa yiSAFA.

Masingaqhathi abantwana ngoongxowa nkulu abadlalisa abantwana bakugqiba babashiye esithubeni siphixane sodwa. YiSAFA yodwa ojonge ikamva labadlali beli hayi oongxowa nkulu abafuna ukusebenzisa abantwana kuba bencwase ingeniso” utshilo uLuwaca.

Utyatyadule wathi iyaxhalabisa nemo yamaqela aseSakhisizwe adlala kwiLFA angekabhatali mali yokuzimanya nalo mbutho kuba lo nto itsho phandle ukuba abangawo amalungu eSAFA kuba xa bengayibhatali imali yeLFA nekaSAFA ayizukubhataleka. ULuwaca uthi umthetho weSAFA uthi iqela ngalinye malirhume isaqala itumente. ULuwaca uzikhuphile kumba wendebe kaSodolophu engade iqukunjelwe. “Eyethu indima yayikukudlalisa kuphela. Ngoko asingeni ndawo ekunikezelweni kwamabhaso, bakhona abantu abachophele lo mba.”

Ukutsho oku ngenxa yamaqela ancwinayo ngomba wamabhaso angade akhutshwe. Amabhaso ayecwangciselwe ukuba azakukhutshwa kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.

Kwaphinda kwabekwa umhla weshumi elinanye kule nyanga kodwa amiswa kwakhona. Ngoku kulindeleke ukuba lo msitho ubanjwe ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga imiyo

Kule ntlanganiso kugqitywe kwelokuba imidlalo yeLFA ibe iphethwe ngomhla wesine kwinyanga ezayo nemali ibe iphelele.