Amabhokobhoko azakukhokelwa ngu-Eben Etzebeth

UTendai Mtawarira no-Eben Etzebeth beqela loMzantsi Afrika Amabhokobhoko umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Ukapteni weqela lesizwe lombhoxo, uWarren Whiteley, uzakuphoswa ngumdlalo obalulekileyo kule mpelaveki ngenxa yokwenzakala.

Uzakubanjelwa sisiquququ somdlali * -Eben Etzebeth ozakusekelwa likhwahla, uSiya Kolisi. Amabhokobhoko azakuxikixana nePumas (Argentina) kumdlalo ojongwe ngamehlo abomvu we-2017 Castle Lager Rugby Championship ngo’15:00 ngoMgqibelo eNelson Mandela Bay Stadium.

UWhiteley unethuba elide ekhonkxwe kukonzakala kwaye uphosiwe yimidlalo ethile yokugqibela nakwiSuper Rugby.

Kusalindeleke okokuba ahlale ngaphandle embhoxweni isithuba esiphaya kwiiveki ezintandathu kwakhona njengokuba ezakuphoswa nayiCastle Lager Rugby Championship.

“Wenze umsebenzi omhle kakhulu * -Eben ngoku besike sadlala neFrance, eGoli. Sithe sakubona ukuba uWarren akazukubakho kulo mdlalo, sabona ukuba masinike * -Eben uxanduva ngoba uyahlonitshwa ngabanye abadlali. Uzakufumana inkxaso kwiinkokeli ezifana noSiya Kolisi, uTendai Mtawarira no-Elton Janties,” utshilo umqeqeshi weBoks, * -Allister Coetzee.

Le ndodana yakwa-Etzebeth kudala idlalela iqela lesizwe. Yaqala ukudlalela iBoks ngo’2012, ineminyaka engamashumi amabini kuphela.

Ngoku unikwe uxanduva * -Eben xa uMzantsi Afrika udlala ne-Argentina, nakumdlalo olandelayo kwiveki ezayo.

Umqeqeshi wabadlali basemva uFranco Smith akafunanga ukudiza indlela abadlali bakhe abazakudlala ngayo ngoMgqibelo.

kwelinye icala uCoetzee ukhulule abadlali abahlanu ukuba bakwazi ukubuyela kumaqela wabo ekuqaleni kwale veki.

Kwabo badlali bakhululweyo kukho abadlali abafana noDillyn Leyds, * -Oupa Mohoje, uFrancios Venter, uLizo Gqoboka noWarrick Gelent.

Iqela labadlali elizakuqala umdlalo eBhayi kulindeleke ukuba libhengezwe nguCoetzee emva kwemini ngomso. Umqeqeshi uya kulo mdlalo enethemba elikhulu emva kokuba uMzantsi ubethe iFrance kathathu kwimidlalo yovavanyo kwezi nyanga zidlulileyo.

Siphisa ngamatikiti alishumi omdlalo weBoks! Yintoni oyithanda ngombhoxo? Thumela impendulo ngeSMS okanye Whatsapp ku 063 743 9538.