Amagqabantshintshi ezemidlalo

Nangona iCricket South Africa iqhuba kakuhle kwicala lophuhliso nakwicala leenguqu ngokubanzi.

Kutshanje kubonakele iqela labadlali abamnyama futhi abazibonakalisileyo bakunikwa ithuba lokudlala kwiProteas.

“Thina sonelisekile yinkqubo yethu yokunika amathuba abadlali kwaye siyathemba kwakuhlala kunjalo. Ubonile kwiGlobal T20, abadlali bachongiwe ngokwezakhono zabo. Siyakholelwa kwindlela esiqhuba ngayo ngoba sikhupha abadlali ngoku kufuneka sibanike amathuba okudlala,” utshilo uChris Nenzani.