Amakhosi awuphumelele umdlalo weNedbank – kodwa asokolisiwe yiRoyal Eagles!

Leonardo Castro of Kaizer Chiefs tackled by Mpho Maruping of Royal Eagles during the Nedbank Cup Last 32 match between Kaizer Chiefs and Royal Eagles on 08 February 2020 at FNB Stadium ,Soweto, Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kugqityiwe,
iKaizer Chiefs iphakathi kwamaqela adlulele kumjileko olandelayo weNedbank Cup!
Oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi ebethe iRoyal Eagles ebigoloza ngegowuli
elinye (1-0) emdlalweni obunzima eFNB Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Kuthe huu
kubalandeli abebehleli ngempund’ enye phantse amashumi asixhenxe onke emizuzu
emdlalweni. Amakhosi anelishwa lokuhlazwa ngamaqela amancinci kwiNedbank. Nayo
iRoyal Eagles iye emdlalweni ngokukhulu ukuzimisela kuba isazi ukuba iChiefs
iyakoyika ukubethwa liqela elincinci. Umqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp,
wenze iinguqu eziliqela emdlalweni wanamhlanje – kodwa bezikhona phantse zonke
iintsika zakhe zemihla ngemihla. Emva kwexesha elide engasadlali, u-Itumeleng
Khune ufumene ithuba lokudlala namhlanje noxa kungakhange kubekho nto ingako
ayenzileyo emdlalweni. Abanye babadlali abafumene ithuba nguReeve Frosler
noKgotso Moleko. IRoyal Eagles yiyo enkqonkqoze kuqala kwiChiefs – kodwa uSiphesihle
Msomi ukhabe ibhola engamsokolisanga uKhune.

Amakhosi
ahlanganise iibhola esiya phambili – kodwa umzamo kaLebogang Manyama noSamir
Nurkovic awuphumelelanga. Siphelile isiqingatha sokuqala kungekho nto ebhodini.
UMiddendorp ufake uKhamba Billiat noBernard Parker kwisigaba sesibini.
Bekucacile okokuba ukhangela indlela yokugqobhoza kwiRoyal Eagles emva edlale
kakuhle kwisigaba sokuqala. UManyama ufake igowuli ekuphela kwalo emdlalweni
emva kwebhola edlalwe kakuhle nguBilliat noLeonard Castro phakathi ebaleni. Bazamile
ukushukumisa abadlali beRoyal Eagles – kodwa imizamo yabo ibikhawuleza imoshwe
ngu-Eric Mathoho noDaniel Cardoso emva. Umdlali weChiefs omtsha, uAnthony Akumu
Agay ungene endaweni kaGeorge Maluleka sekuza kuphela umdlalo. Yenze umsebenzi
ophucuke kakhulu iRoyal Eagles noxa ikhutshiwe kwiNedbank ngoba ikwazile
ukumelana neChiefs eneziqwayi zabadlali abayingozi.

  

Chiefs: Khune, Frosler, Ntiya-Ntiya, Cardoso, Mathoho, Katsande,
Maluleka, Baccus, Castro, Manyama, Nurkovic.

Amalalela: Akpeyi, Parker, Mphahlele, Billiat,
Akumu, Sasman, Mashiane.

Eagles: Maova, Kalake, Klaas, Tema, Mashau,
Msomi, Ntsundwana, Mdluli, Seanego, Hlongwa, Maruping.

Amalalela: Dlamini, Kizza, Zikalala, Matima,
Ntswane, Maluleke, Mongae.