Amanenekazi eBorder anxanelwe impumelelo

Ayiqale kakuhle imidlalo yeInter-Provincial League amanenekazi eBorder. Ezi nzwakazi ziselula zibethe iEP Women ngo’22-12 kumdlalo wokuqala kutshanje.

Umqeqeshi weBorder, uNwabisa Ngxathu, uthi kuninzi okufunwa ukulungiswa nangona bevule kakuhle. “Ndiyavuma banaso isakhono kodwa kuninzi ekufuneka kulungisiwe,” utshilo uNgxathu.

Eli nenekazi lithi beliqela bajonge ukuhamba bayokufika kumdlalo wamagqibela kankqoyi. “Injongo yethu kukudlala sifike kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Kodwa nokujika kowandulela owokugqibela sakube sikhule kakhulu ngoba uninzi lwabadlali bethu liyafika kulo mgangatho,” utshilo uNgxathu.

Umqeqeshi we-EP Women, uDeon Jordaan, uthi akulohlazo ukubethwa liqela elikumgangatho ophezulu njengeBorder.

“Andibagxeki kakhulu abadlali bam ngoba iBorder liqela elikwizinga eliphezulu. Sebeyiphumelele amatyeli amaninzi le tumente,” utshilo uJordaan.

UJordaan uthi bafunde lukhulu kumdlalo wabo neBorder.

“Ubunzima umdlalo kodwa ndiyakholwa ukuba sifunde lukhulu kuwo,” itshilo le ndedeba. UKapteni weBorder, uNosiphiwo Goda, uthi bengabadlali bafuna ukuyiphumelela itumente.

“Sisebenze nzima kakhulu kumalungiselelo alo mdlalo. Yiyo lo nto siphumelele. Kulo nyaka singabadlali beBorder sifuna ukuyiphumelela itumente. Yindebe yethu leya siyibambe sayikhusela amatyeli amaninzi,” utshilo, ezele uchulumanco.

Kanti yena uKapteni we-EP uthi bachanwe kukungathethi ebaleni.

“Sibethwe kukungathethi kulo mdlalo. Izinto ezininzi sizenze kakuhle. Ndiyathembisa ukuba sakwenza ngcono kumdlalo olandelayo,” utshilo uHela.

IBorder iza kungquzulana neBlue Bulls ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo eLoftus Versfeld Stadium ePitoli. Yona iEP yamkela amanenekazi aseFree State ngo’15:00 eNelson Mandela Bay Stadium.