Amasi abekwe elangeni kwiBonkolo Marathon

Ziimbaleki ezingaphezu kwamakhulu asixhenxe ezizakuthabatha inxaxheba kumdyarho wembali iBonkolo Marathon eKomani ngoMgqibelo.

Lo mdyarho unamanqanaba amabini awomgama wamashumi amane anesibini nalowo wamashumi amabini ananye eekhilomitha.

Umququzeleli walo mdyarho uTheo Ferreira uthi umdla wabantu uphezulu kulo mdyarho. “ULuthando Henjana waseMonti ligama eliphambili kulo mdyarho,” utsho uFerreira.

Ingxelo kaFerreira ithi lo mdyarho waqala ngomhla wesine kwinyanga kaNovemba ngonyaka ka1977 uneembaleki ezingamashumi amahlanu anesithathu.

Amaqela wembaleki afana neBorn 2 Run yaseMonti lelinye lamaqela azakuthabatha inxaxheba kulo mdyarho.