ISuperSport United igoduke namanqaku amathathu emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league obuvutha bhe kobu busuku eFNB Stadium. Amatsatsantsa afumana impumelelo emva kokubethwa ngo’2-0 yiMamelodi Sundowns kumdlalo wokuvula isizini kwiveki ephelileyo. Amakhosi alwe kangangoko kulo mdlalo nangona ebedlala ngabadlali abalishumi. Ngaphandle kwamathandabuzo uSteve Komphela uxhelekile emva kokungaphumeleli umdlalo wesibini wePSL nakukuphulukana nomdlali ekuqaleni komdlalo.
Aziwahambelanga kakuhle kwaphela izinto Amakhosi kwisigaba sokuqala. Umdlali wasemva u-Eric Mathoho unikwe uphumaphele ngusompempe ngekhadi elibomvu emva kokuwisa uBradley Grobler kufuphi nomhlaba kanozinti weChiefs. Emva kwemizuzu embalwa u-Aubrey Modiba ubeke emnatheni igowuli lokuqala ngentloko; ibhola igotywe kakuhle nguDove Wome kwicala lasekunene. Athe esajonge leyo Amakhosi konzakala uTsepe Masilela kumzuzu wamashumi amabini anesine.
Konke oku kunike amandla iSuperSport United; phaya phambili uGobler ebeyinkathazo exhaswa nguThuso Phala noTeboho Mokoena. Nangona iKaizer Chiefs ibidlala ngabadlali abangaphelelanga ikwazile ukudlala umdlalo othembisayo – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza kwiSuperSport kwisigaba sokuqala.
Kuvele kwacaca nje ukuba u-Eric Tinkler ufuna ukuyicishilela kwisigaba sesibini ngokufaka uJeremy Brockie zisuka. Uqhubele phambili iChiefs nokuzama ukufumana amathuba nangona bekunzima. USteve Komphela ukhuphe uBernard Parker waze wafaka uWilliam Twala endaweni yakhe. UGustavo Paez ebengathi ufakwe enkonkxeni ngabadlali beSuperSport kwaye noogxa bakhe bebengakwazi ukumnikela iibhola eziphucukileyo. UPaez ukafe igowuli leChiefs kumzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe emva kokuyixheshwa kweSuperSport macala onke. URamahlwe Mphahlele uyinike amandla iChiefs ngezabhola ebeban’ ukuzigoba ekunene. Kuye kwanyanzeleka okokuba abadlali beSuperSport bafumbe emva ngelizama ukukhusela kwiChiefs ebihlasela macala onke. Kude kwaphela umdlalo engaguqukanga amagowuli ebhodini.
Igwetyiwe inkazana eyabulala isithandwa sayo ngenxa yesikhwele!