AmaZulu awiswe phantsi bhaxa yiBaroka emdlalweni weDStv Premiership

AmaZulu akhe phantsi isitya sigcwele kwiBaroka FC emdlalweni weDStv Premiership emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium. Umfanekiso: © Steve Haag/BackpagePix

Emva kokuphumelela imidlalo emininzi kwiinyanga ezidlulileyo, AmaZulu awiswe phantsi bhaxa yiBaroka FC ephumelele ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium emalanga namhlanje. Impumelelo ezuzwe ngaBakgaga namhlanje iqinisekise indawo yabo kwisizini ezayo kwiDStv Premiership.

Ngoku iBaroka FC iza kulwela indawo kwiTop 8 egacelwe ngamaqela amaninzi aquka neKaizer Chiefs – edikidiki kule sizini. Umdlalo ubushushu ngoba bekudibene amaqela ayibeka phantsi ibhola futhi akwaziyo ukuya phambili esebenzisa isantya. UTapelo Xoki noLuvuyo Memela bazamile ukudibanisa iibhola besiya kwiBaroka – kodwa iinzame zabo zichithwe ngu-Evidence Makgopa. Siphelile isiqingatha sokuqala iBaroka ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguRichard Mbuli ngomzuzu wamashumi amathathu anesixhenxe.

ULehlohonolo Majoro ukhe wazama ukukhabela u-Oscarine Masuluke obethe qwa ezipalini. Kuthe kwakucaca ukuba akukho ndlela yokuphumela, uBennie McCarthy ufake uThabo Qalinge noSamkelo Mgwazela ukuze baguqule izinto. Ilwile nayo iBaroka ikhusela igowuli elifumene kwisigaba sokuqala. Kubonakala ngathi AmaZulu ngeke akwazi ukuyifumana iMamelodi Sundowns edinga ukuphumelela umdlalo onye kwemine ukuze ibe ziintshatsheli zeDStv Premiership zesizini ka-2020/21.

AmaZulu: Mothwa, Gumede, Xoki, Sikhakhane, Mabiliso, Sithebe, Makhaula, Mlambo, Mulenga, Memela, Majoro.

Amalalela: Boshoff, Mzava, Mgwazela, Masilela, Kewuti, Qalinge, Chawapihwa, Ntuli, Mthembu.

Baroka: Masuluke, Kgoetyane, Farmer, Makume, Jampies, Gebhardt, Phiri, Kambala, Mosele, Mbulu, Makgopa.

Amalalela: Chipezeze, Patjie, Dickens, Mogale, Kamatuka, Masiya, Monama, Seema, Shozi.