Andimkhalazeli umqeqeshi, utsho uDzula

Thembani Dzula

Nangona iKaizer Chiefs ingaqhubi kakuhle kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League – kodwa abalandeli bayo abathembekileyo babambelele kuyo. I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye wabalandeli abayithandayo kakhulu.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Ngokufutshane, uthini kanene xa uzichaza?

Umlandeli: Igama lam ndinguThembani Dzula, ndazalelwa kwilali yaseMaxhegweni, eNgqushwa, ndingumlandeli omkhulu weKaizer Chiefs.

PM: Khawutsho Mhlekazi, kwakutheni uze ukhethe ukuba ngumlandeli weChiefs?

Thembani Dzula: Yooh! Ndaqala ndimncinci kakhulu, ndandiphaya kwiminyaka elishumi. Oyena mntu owenza ndilandele ibhola ngumalume wam owayethanda iChiefs. Ndathanda imibala yayo, ngezo ntsuku kwakugcwala xa sibukele umabonakude.

Zange kube nzima ukuyilandela iChiefs ngoba ibhola ndandiyidlala. Ndeva ekuhambeni kwexesha ukuba ilapha kum entliziyweni ngokuthi xa ibethiwe ndikhathazeke.

Enye into ndandikuncwasile nokuyidlalela qha ndabethwa kukuba ndandisezilalini.

PM: Ungathi sesiphi esona siganeko ongasoze usilibale ngoku ungumlandeli?

TD: Imidlalo endingasoze ndiyilibale yileya yamagqibela kankqoyi yeRothmans Cup yomibini. Kulandele esabetha kuwo iJomo Cosmos ngo’5-0 kwiCoca Cola Cup. Izoba ngumdlalo iChiefs eyayidibene kuwo noMthatha Bucks eBhayi kwibala iTelkom Park.

PM: Njengokuba iChiefs ingaqhubi kakuhle, ucinga ukuba kwenziwa yintoni oko?

TD: Le isizini seyisoyisile yona. Eyona ngxaki endiyiphawuleyo mna ngabadlali bethu basemva abayeka amagowuli ngemizuzu yokugqibela emidlalweni.

Andimkhalazeli konke uSteve Komphela. Ingase abantu bamnike ithuba uKomphela, bohlukane nale nto yokumgxeka nokufuna ukuba agxothwe.

PM: Ngowuphi umdlali omthandayo kwiChiefs?

TD: Ndithanda uSiphiwe Tshabalala. Ungumdlali odlala ngokuzimisela ngamaxesha onke.

pedro.mapelo@inl.co.za