Aqule ade aligangatha Amathol’amnyama

Kule veki kuvulwa ngokusesikweni isizini entsha yeNational First Division.

Iqela laseMpuma Koloni ekuphela kwalo kwiNFD, uMthatha Bucks, liqule lade laligangatha phambi komdlalo wokuqala.

Amathol’amnyama avula isizini ka’2017/18 ngokudlala nePretoria University kumdlalo ozakube ungo’15:00 ngoMgqibelo e-Absa Tuks Stadium.

Eli qela laseMthatha alikwazanga ukunyukela kwinqanaba elingasentla – kodwa abadlali elibabhalisileyo likhombisa ukunxanelwa kwalo impumelelo. Lizakube libhexeshwa yindoda enamava kakhulu kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika – * -Ian Palmer.

Abadlali abatykityiweyo ngaba: Andile Mbanjwa, Richard Mkhize, Athini Bisha, Steve Anoma, Shane Thompson, Pentjie Zulu, Bongani Kama, Shane April, Loyiso Simandla, Ntandokayise Ngubane, Linda Bhengu, Menzi Chili, Sifiso Ntjolo, Sakhele Nhlabathi, Mpho Khumalo, Thabang Kgatlhanye, Mpho Erasmus.

Amathol’amnyama anethemba lokwenza umsebenzi ongcono kule sizini emva kokuchitha iiveki phantsi kweliso elibukhali kwinkampu ebiseThekwini – apho ebekhe afumana nethuba lokudlala namaqela afana neChippa United edlala kwiPSL noThongathi olunyuselwe kwiNFD kulo nyaka.