Bacela inkxaso abaya kwimidlalo yeSalga

Iqela lebhola ekhatywayo kwa-Ward 8 lizakumela uMbhashe Municipality kwimidlalo yeSalgaumfanekiso: pedro Mapelo

Ziiveki zimbini ngoku iqela lebhola ekhatywayo leelali zaseChizela lizazi ukuba linoxanduva olunzima lokumela umasipala kwimidlalo kwazwelonke yeSalga.

Bayayivuyela lo nto kakhulu – kodwa kwangaxesha bathi bangavuya ukuba bangafumana inkxaso yemali ethe xhaxhe phambi kwemidlalo kazwelonke.

Eli qela lakwaWadi 8, eDutywa, lizakumela uMbhashe Municipality emva kokuthwaliswa isithsaba sobuntshatsheli kwitumente kasodolophu ebibanjelwe eDutywa Stadium kutshanje.

Itumente yalo masipala isingathwa kanye ngonyaka, kuthi kuhluzwe kumaqela asekuhlaleni aphuma kwiidolophu ezintathu (Dutywa, Xhorha noGatyane) amaqela azakumela lo masipala kwitumente enkulu equka onke amaqela aphuma kuzwelonke. Emva kokugqugqisa ekuqaleni kwetumente, i-One Nation, yaphumelela – kodwa kuthe xa kusiyiwa kwimidlalo yokugqibela yachonga abadlali kumaqela ebidlalo nawo eChizela. Nangoku kunjalo ibimele uWadi 8 njengokuba iye yamela iDutywa ekugqibeleni.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomqeqeshi weli qela, uBulelani Funda, ovakalise uchulumanco olungathethekiyo.

“Sonwabe gqithi njengokuba siphumelele. Noko ukusebenza nzima kwethu kusisebenzele kwaye kwenzeke le nto besiyinqwenela. Yah, sisokole kakhulu kwicala lokuthutha abadlali bethu, kuyazanywa kodwa iingxaxi bezikhona. Sizakumela uMbhashe kwaye sizithembile kakhulu. Abafana esibaphetheyo bahle kakhulu. Siyamcela umasipala kubekho ubumalana abufakayo kule midlalo,” utshilo uFunda.

Onke amaqela aphumelela ngokohlukana kwemidlalo yawo kula tumente, athiwa jize ngezikipha zokudlala ezitsha kraca.

Imidlalo edibanisa bonke oomasipala eMzantsi Afrika izakudlalwa ekupheleni konyaka. Kufuneka eli qela lisebenze ngokuzimisela ukuba lifuna ukubuya nodumo xa lidibene namanye ngoba umgangatho uzakube uxhomile kakhulu.