Bagotywa besebatsha kwiqakamba eMpuma Koloni

Abantwana bezikolo ezibini, iKunathi Mkhefa Primary neNokwanda Primary, bexhagwe nguClayton Bosch noMarco Marais abadlalela iWarriors emva kokudlala eQonce

Abantwana bezikolo abaneminyaka elishumi nangaphantsi abaqabele ngaphaya kwewaka bebedibene ebaleni laseDale Primary School, eQonce, apho bebefundiswa ukudlala iqakamba ngabadlali abaphume izandla ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Amaqela ezikolo eziphuma eMonti, eQonce, eXesi, eKomani nakwezinye iindawo afumene ithuba elihle lokudlala imidlalo phantsi kwenkqubo yeKC Mini-Cricket incediswa yiCricket South Africa.

Abantwana abaphuma kwizikolo ezibini: iKunathi Mkhefa Primary neNokwanda Primary, bafumene ithuba lokuzivavanya kwabanye abantwana, baphinda bafumana iingcebiso kubadlali abaphume izandla kwiqakamba abafana noClayton Bosch noMarco Marais abadlalela iWarriors.

Utitshalakazi obekhaphe abantwana, okwangumqeqeshi, uMandisa Ngoma, ulivuyele kakhulu ithuba lokudlala kwabantwana besikolo sakhe kwiKFC Mini-Cricket.

“Ibalulekile kakhulu into esize kuyo namhlanje ngokuba kuthiwa iqakamba yabantwana abancinane yenzelwe ulonwabo. Yiyo lo nto sizise abantwana apha namhlanje. Baze apha ngokuba bafuna ukufunda ukudlala iqakamba. Bayayithakazelela abantwana bethu iqakamba njengokuba ubabona. Bazinikele futhi bayayithanda. Sihlala sisitsho kubo okokuba mabazimisele kwinto abayenzayo. Kweziya zam iilali kuse nzima ngokuba asinazo izinto zokudlala. Kuse nzima ukuyenza le nto futhi bathathe ixesha elide ukuyamkela,” utshilo uNgoma emva komdlalo.

Igqala leqakamba laseXesi elikwangumququzeleli weKFC Mini-Cricket, uMnu Mnonopheli Mfenqe, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba uyayivuyela into yokugotywa kwabantwana besebatsha ngokuba inkqubo yabo seyivelise inkitha yabadlali abasezindaweni eziphezulu ngoku.

“Ngunyaka weshumi lo sisenza itumente yeqakamba yabantwana abasebancinane. Yinkqubo ebalulekileyo kakhulu le kuthi ngokuba ivelise abadlali abaninzi abasele bedlalela amaqela amakhulu. Lo nto ithetha ukuthi inkqubo yethu yokufundisa abantwana ibanika isiseko esiqinileyo emdlalweni weqakamba. Yinkqubo engavaleli mntu ngokuba iquka nabantwana abasuka kwiilali ngeelali,” utshilo uMfenqe.