Baphoxekile abadlali kukuhlehliswa kwemidlalo ye-Olimpiki

Teboho Mokoena of Supersport United during the Absa Premiership 2019/20 football match between SuperSport United and Bidvest Wits at Mbombela Stadium on 29 February 2020©BackpagePix

Ukuhlehliswa kwemidlalo ye-Olimpiki ebijongelwe ngamehlo abomvu kulo nyaka akubaphathanga
kakuhle abanye abadlali, ngakumbi abo baneminyaka engaphezulu kwamashumi
amabini anesithathu. Abaququzeleli bemidlalo ye-Olimpiki (International Olympic
Committee) abaquka oyintloko yabo, uMnu. uThomas Bach no-Abe Shinzo, oyinkokeli
yaseJapan – apho ibiza kubanjelwa khona imidlalo, bagqibe kwelokuba ihleliselwe
unyaka ozayo kwinyanga yeKhala. Phakathi kwamaqela ebeza kumela uMzantsi Afrika
liqela lesizwe lebhola ekhatywayo labadlali abaselula (SA Under-23) eliqeqeshwa
nguDavid Notoane. Amanye amazwe ebeza kumela izwekazi le-Afrika emidlalweni
ebiza kusingathwa sisixeko saseTokyo aquka ilizwe laseYiphutha (Egypt) ne-Ivory
Coast. Omnye wabo badlali abaphoxekileyo nguTeboho Mokoena, odlalela
iSuperSport United. “Ndiphoxekile – kodwa ubomi babantu bufanele bubekwe
phambili kuyo yonke into. Igqejwe iduma elingatsitywa nayintwala iduma ibhola
ekhatywayo ngoba imidlalo yeyona eyinwenisa kakhulu ikhorona. Akukho nto esingayenza,
into ebalulekileyo bubomi babantu,” utshilo uMokoena ethetha neSolezwe.

Ukuhlehliswa
kwetumente kuluncedo kwabo bebonzakele, kanti ziindaba ezimbi kwabo baneminyaka
ephezulu kweminyaka efunekayo. Njengokuba itumente ye-Olimpiki ihlehliselwe
kunyaka ozayo, abadlali abafana noMokoena baza kube beneminyaka engamashumi
amabini anesine. UMokoena uphakathi kwabadlali abenze indima ebonakalayo
ngethuba uMzantsi Afrika usilwela indawo kwitumente ye-Olimpiki. “Ngeke kube
lula ukufumana indawo kwiqela lesizwe. Yonke into ixhomekeke kumqeqeshi. Okwam
kukuqhubela phambili nokwenza umsebenzi wam njengesiqhelo,” utshilo uMokwena.
Ziisizini eziliqela ngoku uMokwena engomnye wabadlali exhathise ngabo
iSuperSport United. Umsebenzi awenze kuyo uMokoena umnike ithuba lokudlalela
aBafana Bafana neqela lesizwe eliqeqeshwa nguDavid Notoane. Kodwa kwisizini
ezayo, kunyanzelekile amkele uxanduva oluthe xhaxhe ngoba uDean Furman,
oyinkokeli yaMatsatsantsa ngoku, obuyela eNgilane – apho wakhulela khona. Kunyanzelekile
kubekho umdlali othembekileyo ovala indawo yakhe.

“Yintto
enkulu kakhulu ukunikwa indawo kaDean Furman. Obo bubungqina obubonisa ukuthi
ndiwenza ngokuzimisela umsebenzi wam ebaleni. Ndiza kuqhubela phambili nokwenza
njalo,” utshilo uMokoena.