Abantu bebekroze njengesiqhelo eDutywa nangona kukho idungamzi eliyiKhorona

Abantu bebengxange phambi kukaBoxer beyokwamkela imali yenkam-nkam. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Abadala nabancinane
baphume ngobuninzi bagcwalisa zonke iindawo ezamkelisa inkam-nkam kwidolophi
yaseDutywa nangona kukho idungamzi eliyiKhorona. Izithuthi eziluhlobo lweKhombi
zale mihla noomasijongane ekuthiwa ziiveni bebephuma belandelelana edolophini
begcwele qhu ngabantu. Abantu abathethe nentatheli yeli phephandaba bavile
ngekhoorona eyosulelayo – kodwa bathi abanayo enye indlela ngaphandle
kokunyamezela ngoba bafuna ukwenza abakuzele edolophini. 

Image may contain: one or more people and outdoor

NgoMvulo weveki
ephelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa, wabhengeza inkqubo entsha ethi abantu
mabahlale ezindlini zabo, iindibano ezinabantu abaninzi mazivalwe namashishini
avale ngaphandle kwalayo athengisa izinto ezibalulekileyo ezinje ngokutya namayeza.
Namhlanje lusuku Lwesine kuvalwe ukuhamba-hamba kwabantu eMzantsi Afrika ngenxa
yentsholongwane eyosulelayo ekuthiwa yikhorona. Urhulumente ubekele bucala le
mini yanamhlanje ukuze abantu abadala bakwazi ukufumana iimali zabo
zesibonelelo njengoko beqhele ukuzifumana – kodwa phantsi kwemiqathango engqongqo
yezempilo.

Image may contain: sky and outdoor

Abantu
abebefole kwiindawo ezifana noBoxer, eNedbank, eFNB, kwaCapitec Bank, kwaStandard
Bank, kwaShoprite, ePosini, kwaSpar bobanini – abawuthobelanga umthetho othi
makubekho isithuba esiyimitha phakathi kwabo xa befolile. Nangona kwaBoxer
bebekhona abantu abalawula abangena emnyango – kodwa bekungekho namnye umntu
obethundeza abantu ngokuvula umsantsa phakathi kwabo. “Sivile ngekhorona
koonomathotholo kwaye neenkokeli zethu ziyasixelela ngayo. Andinaxhala. Bekuthiwe
masiphane izithuba – kodwa ngoku sisondelelene ngoba sifuna ukungena phaya
emnyango,” utshilo umama waseMpozolo ekuGatyane. 

Kanti yena uNksz. uNozuko
Cokwe waseSihlabeni kwisithile saseNgqamakhwe, uthethe wenjenje: “Ndizopeya
apha. Ndiyaxakwa xa sisondelelene kanje apha kube kukho ikhorona. Akukho bantu
abalungisa abantu apha kwaye akukho mntu osihoyileyo.” Lona ixhego
lelali yakuLencane, eDutywa, lithe bekunyanzelekile liye edoliphini ngoba
bekuthiwe malifike ezinesini namhlanje. “Ewe, sivile ngekhorona kunomathotholo,”
litshilo ixhego lakwaRhadebe. “Asinakungahambi; ikilinikhi ibindikhomba
namhlanje. Kuthiwe mandizokwenza uhlolo namhlanje,” utshilo utata
wakwaMzinyathi. 

Image may contain: one or more people, sky, basketball court and outdoor

Abaqhubi beeKhombi bebelayisha ngokomlinganiselo oyalelwe
ngurhulumente – kodwa zona iiveni bezigcwele zizichichima ngabantu nemithwalo
njengesiqhelo. Indawo ebinamapolisa esangweni ibiyiPosi – kodwa nawo ebengabaxeleli
abantu ngomsantsa amabawuvule phakathi kwabo. Ezinye iivenkile beziyilawula
indlela abantu abangena ngayo futhi bekhwijwa ezandleni ngesibulali
sentsholongwane – kodwa kwezinye iivenkile bekugcwele qhu ngabantu ngaphakathi.