Bonke abaqeqeshi bathetha into enye ngeMpuma Koloni!

Abaqeeshi beKe Yona Team, uKhabo Zondo, uShakes Mashaba noMike Mangana bachonge abadlali namhlanje abazakuba kwiqela leNedbank namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Mfanekiso: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Abaqeqeshi abapopola
italente kwinkqubo yophuhliso ehamba phambili eMzantsi Afrika, iKe Yona Talent
Search, bahambe bencumile futhi bonke bevuma ukuba abadlali baseMpuma Koloni
banetalente engummangalaiso. UShakes Mashaba, uKhabo Zondo noMike Mangena
bawuncome kakhulu umgangatho ophezulu oboniswe ngabadlali abaselula eSisa
Stadium – apho bekukho imidlalo ebekukhethwa kuyo abadlali abazakuba yinxalenye
yeKe Yona Team.

Abadlali
bebhola ekhatywayo abaqikelelwa kumakhulu amathathu abaphume kwiindawo
ngeendawo kwiphondo leMpuma Koloni bebehlanganele eMdantsane – apho bathe bafumana
ithuba lokuzithengisa kwiimboni zetalente ezikhokela inkqubo yophuhliso exhaswa
nguNedbank. Le bhanki yasungula le nkqubo evumbulula abadlali abanetalente
ezilali nasezilokishini kwiminyaka emihlanu eyadlulayo kwaye ukuzokuthi ga ngoku,
iqhayisa ngokuvelisa abadlali abangaphaya kwamashumi amabini abadlalela amaqela
aphezulu kwiPremier Soccer League nakwiNational First Division.

Amadoda ajikeleza
ilizwe lonke ekhangela italente mathathu futhi ayawazi umsebenzi awenzayo.
Kunokwenzeka iMpuma Koloni ibe nabadlali abaninzi nakulo unyaka emva kokuba
abadlali bebonise ukulilambela ithuba lokukhula ebholeni ngethuba bedlala eSisa
Dukashe Stadium namhlanje. UMangena uthi baze benexhala kuba bengazi nokuba
ikhwelo labo lakusatyelwa na. “Ndivuya kakhulu, italente siyifumene apha.
Kwisizini edlulileyo eBhayi sayifumana italente. Kukho umfana omncinane
owagqwesayo wakwaPlatjie. Ngowalapha, samfumana kweli phondo. Siyasincumisa
nenali albadlali elizileyo apha. Indlela abadlali abadlale ngayo iyabonisa
ukuba ibhola iyadlalwa,” utshilo uMangena.

UZondo uthe
wonelisekile ngumgangatho wabadlali abathathe inxaxheba kwiKe Yona Talent
Search kulo nyaka [eMdantsane] noxa bebeqala ukuza khona. “Into endingakuxelela
yona kukuba iMpuma Koloni zange yasiphoxa nakanye. Ukusukela ekuqaleni kwale
nkqubo yokukhangela abadlali, baninzi abadlali esibafumene apha. Sibone into
ebesingayilindelanga apha xa sithetha ngomgangatho wabadlali. Bayakwazi
ukunikelana, ukufaka amagowuli njalo njalo. Zisa kuzama ukubafundisa izinto
ezithile xa besenkampini,” utshilo uZondo.

UMashaba wenze
amazwi ombulelo ebazalini babadlali abagqibe kwelokuba bayokuxhasa abantwana
babo ngomhla weholide. “Xa
usebenza nabadlali abasakhulayo kufuneka ube nomonde. Akukho ndlela ithile
esilandela yona. Nditsho kuba kuzawubakho abantu abathi kutheni engachongwangwa
ubani. Intle into esiyibone apha. Kukho umdlali olinxele odlale kakuhle
kakhulu. Indle esiza kulibumba ngalo iqela lethu ikhokelwa yindlela iFree State
Stars neMaritzburg United ezidlala ngayo ngoba ekugqibeleni, ababadlali baza
kudlala nelinye phakathi kwala maqela. Eli lizwe linayo italente,” utshilo
uMashaba.