EC Rugby Super 14: Amathathu alwela umjikelo olandelayo

Amaqela ombhoxo edlala umdlalo we-Eastern Cape Super Rugby 14 kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Amaqela ombhoxo alishumi elinesine adlala kwiEastern Cape Rugby Super 14 ayayisonga imidlalo yayo ngempelaveki. Iqela ngalinye liza kube lisilwela indawo ephezulu okanye indawo ehloniphekileyo. Amaqela amane aphambili aza kuya komnye umjikelo olandelayo – apho aza kudlalela ukuya kumdlalo wamagqibelakankqoyi. Amaqela asele ezibeke iindawo kumjikelo olandelayo phambi kokudlala imidlalo yawo yokugqibela yiSwallows ne-Old Selbornians akuGroup B. Kanti akukacaci kakuhle kuGroup ngenxa yokusondelelana kwamaqela ngamanqaku. Nangona kunjalo, iProgress nePE Harlequins (ngokulandelelana) zinetheuba elihle lokuya kumjikelo olandelayo ngoba zihleli phezulu.

Inamashumi amabini anesithathu amanqaku iProgress ewafumene emidlalweni emihlanu. Kanti yona iPE Harlequins inamashumi amabini amanqaku ewaqokelele emidlalweni emihlanu. Noxa la maqela egxeleshe ukuya kwisigaba esingentla setumente – kodwa aza kulwela indawo yokuqala kuGroup A kwitumente yalo nyaka. Kunyanzelekile iProgress iphumelele xa idibana nePark emdlalweni wokugqibela ukuze ibethelele indawo yayo phezulu kuGroup A. Isenalo ithuba lokuzibekela indawo kumjikelo olandelayo wetumente iPark ekwindawo yesithathu – kodwa ukuze yenzeke lo nto kufuneka iphumelele umdlalo wayo wokugqibela.

Yona iYoung Leopards, ekwindawo yesine kuGroup A, iza kuxikixana nePE Harlequins ekunyanzelekileyo ingabethwa ukuze ikwazi ukuya phambili kwiEC Rugby Super 14. IBreakers idibana neNcerha Leoaprds. Noxa izinto sezicacile kuGroup B, iSwallows ne-Old Selbornians ziza kulwela ubunganga ebholeni yombhoxo ngoba omabini amaqela sele eqokelele amanqaku oneleyo. Kweminye imidlalo, iAfrican Bombers esekugqibeleni idibana nePolice emdlalweni ekulindeleke utake iintlantsi eZwide. Yona iKruisfontein iza kwamkela iGardens emdlalweni oza kube useSports Complex. Yonke imidlalo idlalwa ngaxeshanye ngoMgqibelo umhla wesihlanu.