Ellis: Kunyanzelekile sinyuse umgangatho kwiZambia

URachel Sebati weBanyana Banyana eswantsulisana noBoitumelo Gambu waseBotswana ngethuba bedlala umdlalo weCOSAFA Women Championships eLuveve Stadium, Bulawayo © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Njengokuba abantu belizwe loMzantsi Afrika besakhwankqiswe kukungaqhubi kakuhle kweBafana Bafana – kodwa bafumana intuthuzelo kwindlela iBanyana Banyana eqhuba ngayo.

Eli qela lesizwe lamantombazaba adlala ibhola ekhatywayo liya kumjikelo ophambi kwamagqibela kankqoyi we-2017 COSAFA Women’s Championship emva kokuba liphumelele imidlalo emibini nokudlala ntanganye komnye kuGroup C.

Umqeqeshi weBanyana Banyana obambeleyo, uDesiree Ellis, ushiyeke ephoxekile emva kokuba iqela lakhe libambene ngo’1-1 neBotswana.

IBanyana Banyana ibethe iLesotho ngo’3-0 yaphinda yabetha iNamibia ngo’3-1 kwimidlalo yayo edlulileyo – kodwa uEllis uthi ushiyeke ephoxekile yindlela abadlali bakhe abadlale ngayo neBotswana acinga ukuba bekufanele okokuba bayibethile.

“Ndiphoxekile ngoba bendicinga ukuba sizakuwuphumelela la mdlalo. Abadlali bethu badlale kakubi kwisigaba sokuqala somdlalo, kufane kwangcono kwisiqingatha sesibini. Bekunyanzelekile senze iinguqu ngenxa yeemeko esidlala phantsi kwazo,” utshilo * -Ellis.

Njengokuba iSafa ikwiphulo lokukhangela umqeqeshi osisigxina kwiBanyana Banyana, ukuze uDesiree Ellis aqwalaselwe, kunyanzelekile azibonakalise kwitumente efana neWomen’s Championship.

Lo mdlalo uphakathi koMzantsi Afrika neZambia umnika ithuba elihle lokwenza umahluko kwikhono lakhe lokuqeqesha nakwibhola yeli lizwe.

“Kwesi isigaba akukho thuba lesibini. Kufuneka sidlale ngcono kunendlela esidlale ngayo neBotswana. Kufuneka sinyuse umgangatho ukuze sifumane impumelelo. Siyazi abadlali abenzanga ngabom kumdlalo ogqithileyo – kodwa siyathemba lo nto idlule ngoku,” utshilo * -Ellis.

IBanyana Banyana iza kudlala neZambia ngenjikalanga yangoLwesine umdlalo weCOSAFA Women’s Championship.

Ithemba lokuqhuba kakuhle kulo mdlalo likhona emva kokuba iBanyana Banyana ifake amagowuli asixhenxe kwimidlalo emithathu eyidlalileyo.