IBaroka incwase ukongamela iPirates ithathe amanqaku apheleleyo

Wedson Nyirenda coach of Baroka FC during the Absa Premiership 2018/19 game between Baroka FC and Kaizer Chiefs at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 14 August 2018 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Iqela laseLimpopo,
iBaroka FC, liza kube likhangela indlela elinokuqokelela ngayo amanqaku
apheleleyo okokuqala ebaleni lalo xa lidibana ne-Orlando Pirates emdlalweni
obalulekileyo we-Absa Premiership ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga
ngoMgqibelo, ePeter Mokaba Stadium. Umqeqeshi weBaroka, uWedson Nyirenda, uthi
indlela elidlale ngayo iqela lakhe emidlalweni eliyidlalele ekhaya kule sizini ayincumisi
kwaye kufuneka iguquke lo nto. UNyirenda unethemba lokuba iqela lakhe lakuthi
lidlale kakuhle lixelise elakwenza eBhayi kunyaka ophelileyo ngethuba libetha
iPirates emdlalweni wokugqibela weTelkom Knockout. IBaroka ihleli kwindawo
yeshumi elinesibini, izuze amanqaku alishumi elinesithathu emidlalweni elishumi
elinesithathu. Kanti yona iPirates ineshumi elinesithandathu lamanqaku, ihleli
kwindawo yesibhozo kwiPSL.

Ngaphandle
kwamathandabuzo, abadlali beBaroka baza kuya emdlalweni bekhuthazekile ngoba
baza kudibana nePirates – elinye lamaqela amakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.
“Umdlalo wangempelaveki ubaluleke kakhulu kuthi ngoba asikakwazi ukuphumelela namnye
umdlalo ebaleni lethu kule isizini. Kufuneka iguquke lo nto. Xa sidlalela
ekhaya, kufuneka kucace ukuba sisendaweni yethu. Silahlekelwe yimidlalo emine
sadlala ntanganye kuyo – yinto engentlanga kwaphela leyo. Kunyanzelekile sizame
ukwenza umsebenzi ongcono xa sidibana nePirates,” utshilo uNyirenda ekuqaleni
kwale veki. IBaroka ibuye nenqaku elinye emdlalweni obuseBhayi – apho
ibityelele khona iChippa United kwiveki ephelileyo. Kule isizini, iBaroka
ibethwe ngamaqela afana neGolden Arrows, iSuperSport United, AmaZulu neHighlands
Park
.

Nangona
iBucs ingayiqalanga kakuhle isizini yayo – kodwa zikhona iimpawu ezibonisa
ukubuyela kwayo kwizinga layo. Ukuba iBaroka ifuna amanqaku apheleleyo,
kwakufuneka abadlali bayo bazimisele kakhulu ngoba iPirates iza kube amanqaku
nayo futhi inabalandeli abaninzi eLimpopo. “Ayikwazanga ukuqala isizini kakuhle
iPirates. Into eyizamayo kukufumana iziphumo ezincumisayo ngoku ukuze ibuyele endaweni
ephezulu. Lo nto yenza ndilindele umdlalo osemgangathweni ophezulu kuwo omabini
amaqela. Kuza kufuneka sidlale ngokukhulu ukuzimisela nangenyameko ngoba siza
kudibana neqela elinabadlali abanesantya,” utshilo uNyirenda kwi-IOL Sport.