IBorder Bulldogs kufuneka ixoze mphini wumbi

IVodacom Blue Bulls zitywatyushe iBorder Bulldogs ngo’45-25 kumdlalo wokulwela indawo kwiCurrie Cup, ububanjelwe eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo.

Lo mdlalo ubutakisa iintantsi kwaye kungqengqwe emgceni amatyeli asithoba. IBulldogs ifike kabini ngelixa iBulls iwele umgca kasixhenxe. IBulldogs eqeqeshwa ngu-Elliot Fana iwuqale kakuhle kakhulu lo mdlalo kwaye emva kwemizuzu emithathu uSipho Nofemele uye wagqobhoza, ngaphaya kwabadlali bangemva beeBulls wangqengqa emgceni.

Umdlali wangemva uLogan Basson wangeze amanqaku amabini eBulls ngebhola ayiqabelise isuka ecaleni.

Zininzi iimpazamo ezenziwe ngawo omabini la maqela, kodwa iibhola ebeziqhawulwa phakathi zikwazile ukuza namanqaku kumaqela omabini. Umdlali odlala ecabangeni kwiiBulls uTapiwa Tsomondo ubenomdlalo omhle kakhulu, umdlali wangemva weli qela uDivan Rossouw naye uqhube kakuhle kakhulu kulo mdlalo.

Ebengoyiki ukukhabela ibhola ebhokisini ayilandele. Abadlali bangemva kumaqela omabini badlale ngendlela encomekayo. UBasson wenze kakuhle kakhulu ngenqina lakhe kwaye uqabelise iipenalthi ezine. Ayikokuphela kwendlela oku kwiiBulldogs kodwa imidlalo emibini enzima isendleleni. Eli qela lizakudlala neWestern Force eNewlands kuMgqibelo weveki ezayo, emva koko lamkele iFree State XV apha eMonti ngomhla wamashumi amabini anesithathu.

IBulldogs iqale kakuhle kakhulu kwiCurrie Cup kulo nyaka kodwa izinto ziqale ukonakala kumdlalo wesithathu ukubheka phambili. Umqeqeshi kuzakufuneka abuyele umva ancokole nabadlali bakhe akhangele undonakele.