IBuffalo City ithumele iqela elomeleleyo eDikeni

Iimbethi-manqindi ezidlala kudidi lwabangahlawulwayo kumasipala weBuffalo City Metro Municipality zindulukele kwiholo yedolophu eMonti izolo, zisingise eDikeni kumasipala weNkonkobe apho zizakuthatha inxaxheba kwimidlalo eququzelelwa yiSouth African Local Government Association(SALGA).

Le midlalo iquka bonke oomasipala bephondo leMpuma Kapa, kulapho bazakuthi bakhuphisane khona kwimidlalo eyohlukeneyo esingabalula kuyo ibhola yomnyazi(Netball), amanqindi, ibhola ekhatywayo phakathi kwezinye.

Iqela laseBCM liquka iimbethi-manqindi ezintandathu esingabalula kuzo uSisonke Matsho, Lutho Tsewu, Onke Meyeliseli, Chumani Thunzi, Uyanda Nogogo.

Kumagosa abapheleke eli qela singabalula umqeqeshi oyintloko uVelile Damoyi, Mandla Nono kwakunye nomanejala weli qela ongumongameli woMdantsane Boxing Organisation(MDABO), uXolisa Soka.

Usomlomo weli qela uKhangelani Jack uthe “eli lixesha elixakekileyo kakhulu kudidi lwabangahlawulwayo, sisandokubuya kwimidlalo yePremier Games ngoku kulandela eyeSALGA.

Siyathemba ukuba sizakubuya nempumelelo nakweli ityeli, sikhusele indawo yokuqala, nanjengokuba siphala phambili ephondweni.”

Lo kaJack unabe ngelithi “ Luncinci utshitsho kule midlalo xa sesijonga kwiminyaka edlulileyo, ngoba siya nabantwana abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu ukuyokutsho kwiminyaka elishumi elinesibhozo.

Ngesiqhelo sidlangohamba nabantwana abaphakathi kweshumi elinesibini uyokutsho kwabaneminyaka elishumi elinesine. Iqela lethu silithembile.”