Ngokuhamba kweminyaka, iChippa United, iya ikhula kwicala labalandeli. Enye yezinto ezibangela ikwazi ukutsala abalandeli kukudlalela kwayo eMonti. I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye wabalandeli abatsha beli qela laseMpuma Koloni.
Pedro Mapelo: Molo Nkosazana, unjani?
Umlandeli: Ewe Bhuti. Ndiphilile, unjani wena?
PM: Kuhle nakum. Nceda uzazise ngokufutshane, usisi lo ngubani?
Umlandeli: Igama lam ndingu-Aphiwe Nombila. Ndihlala kwilali yaseXilinxa apha eNgqamakhwe.
PM: Oh, kulungile. Gqaba-gqaba, uqale nini kanene ukuyilandela iChippa United?
Aphiwe Nombila: Mna ndiqale ukuyilandela iChippa kulo nyaka uphelileyo. Bendithanda ukukhapha * -Ayanda Masiko – unozinti odlalela iChippa United. IChippa United ndayithanda ngenxa yakhe. Nebhola le ndide ndayilandela ngenxa yakhe, ngapha koko ndingumntu wombhoxo mna.
PM: Kweli thutyana uyilandele ngalo, ungathi yintoni ongasoze uyilibale ngeChippa United?
AN: Eyona nto ndiyithandileyo mna sisigqibo esathathwa ngabaphathi bayo sokusondeza imidlalo eMonti. Yinto leyo endiyincoma kakhulu. Umdlalo wayo iChippa mhle kwaye kubakho ucwangco ngaphakathi ebaleni.
PM: Ngubani oyena mdlali umthandayo kuba kutheni?
AN: Ikwanguye * -Ayanda Masiko. Ndingatsho ukuba ndimthanda kuba engowalapha eNgqamakhwe. UThamsanqa Sangweni ngomnye umdlali obendimthanda kakhulu.
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’