IChippa United ilungiselela umdlalo onzima kakhulu

Chippa United Team Picture Back row(l-r); Andile Mbenyane, Moeketsi Sekola, James Okwuosa, Zitha Macheke, Brighton Mhlongo Front row(l-r); Kurt Lentjies, Sandile Zuke, Diamond ThopolaSizwe Mdinzo, Paseka Mako and Menzi Masuku during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Chippa United on the 19 August 2017 at Orlando Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Iqela laseMpuma
Koloni ekuphela kwalo elidlala kwi-Absa Premier Soccer league, iChippa United,
lilungiselela umdlalo onzima kakhulu kule mpelaveki. IChippa United esatsala
nzima kule sizini kwicala lokuphumelela imidlalo ithathana neCape Town
City
kumdlalo wePSL
okulindeleke utake iintlantsi eSisa Dukashe Stadium ngo’15:30 ngeCawe. Omabini la
maqela akaqhubi kakuhle kwaye afuna ukujika izinto kulo mdlalo. Amakhwenkwe
kaBenni McCarthy asantywizisa emva kokubethwa kumdlalo wamagqibela kankqoyi
weMTN 8 eMoses Mabhida Stadium nayiBloemntein Celtic kutshanje. Nayo kwelayo
iChippa United isengxakini yokungakwazi ukuphumelela imidlalo nangona ikwazi
ukuyilawula. NgoLwesibini wale veki, iChippa ibambene ngeqanda neMaritzburg
United kumdlalo obuseNelson Mandela Stadium. Ukusukela oko kwathi kwangena
uTebogo Moloi kwisikhundla sokuqeqesha, iChippa idlale ngokulingana imidlalo
emihlanu ngokulingana.

Ukungaphumeleli
imidlalo kwenza izinto zibe nzima kakhulu, ngakumbi kwiqela elinje ngeChippa
United elisoloko libekwe esweni ngabantu beli phondo. Ukuze iiChilli Boys
zikwazi ukudlala ngcono kune sizini edlulileyo ebingancumisi – kufuneka ziqokelele
amanqaku apheleleyo kwimidlalo esebaleni lazo. Akukho lula konke konke ukudlala
neCape Town City
nangona umoya wabadlali bayo usephantsi nje – kodwa nangona kunjalo, uMoloi uya
kulo mdlalo ekwazi okulindelekileyo. “Siya kulo mdlalo sisazi ukuba iCity
ibibethwe kwimidlalo emibini. Beza kulo mdlalo bekelemile, lo nto iza kwenza
umdlalo ube nzima,” utshilo uMoloi kwikhasi lomnatha leChippa.

Iqela laseKapa
liyiqale kakuhle kakhulu le sizini, laqhuba kakuhle nakwiMTN 8 nangona liye
labethwa nje yiSuperSport United kumdlalo wokugqibela ngengxa yamava. “UBenni McCarthy
uke wadlala phantsi kwam ndilisekela-mqeqeshi kwiPirates. Uzakufuna
ukundibonisa ukuba ukhulile kulo mdlalo futhi nolwazi lwakhe luthe chatha
ebholeni. Iqela lethu liqhuba kakhuhle, qha abadlali kufuneka bafake amagowuli,”
uvale ngalo mazwi uMoloi.

Ukufumana
kwayo amanqaku amathathu iChippa United, kuya kuthetha ukuthi iya kumdlalo wayo
neMamelodi Sundowns weTelkom Knockout kwiveki ezayo ihlaziyekile.