Ichongwe kwiqela likazwelonke intwazana yaseCala

Intshatsheli yamanqindi kazwelonke kumabhinqa angaphantsi kweshumi elinambini eminyaka USiphosethu Mazwi(12), ibuye nodumo kwimidlalo yeSA Games ebezibanjelwe ePitoli kutshanje. Le nzalelwane yaseCala iphumelele yomibini imidlalo yayo.

Kumdlalo wayo wokuqala imgqengqise ngophotho kumjikelo wesibini yaze kumdlalo wayo wamagqibela kankqoyi yamngqengqisa ngophotho kumjikelo wokuqala lowo ibiqubisene naye.

Umanejala weXhalanga Boxing Club, oqeqesha le mbethi manqindi isakhulayo, uBongani Mvenge, uthe uyazingca ngalo mdlali. “Sizidla kakhulu ngaye, uligugu neqhayiya kuthi, iCala kunye neMpuma Kapa iphela. Kwaye xa ujonga iminyaka yakhe itsho phandle ukuba ikamva lakhe lihle, ingakumbi ukuba angahlala eziphethe ngolu hlobo alulo,” utshilo uMvenge.

Umanejala uvakalise neendaba ezithi le ntshatsheli ichongwe kwiqela loMzantsi Afrika lamanqindi kwaye umdlalo wayo ozayo ukunyaka ozayo ngoJanuwari. Kwincoko neIi phephandaba, uSiphosethu, uthe, akasayi kubuya ngamva ngoku amanqindi uwabona njengesonka sakhe. Kwaye ibisoloko iliphupha lakhe ukudlalela iqela lesizwe.

UMlamli Jentile, usodolophu waseSakhisizwe, uthe le ntshatsheli ligugu neqhayiya labo kwaye bazama ngandlela zonke ukuxhasa iphupha layo lokuba yimbethi manqindi ephume izandla eMzantsi Afrika. USiphosethu ungumzekelo ophilayo wokuba umzingisi akanashwa, kuba indawo abaziqeqeshela kuyo ayikho mgangathweni.

Kodwa noxa kunjalo akatyhafiswanga yilo ngxaki, wagqwesa ukodlula abadlali beendawo ezidumileyo nezinezixhobo ezaneleyo. Abahlali bathi, iCala yayifudula ihamba phambili emidlalweni, oko kwatshintsha ngenxa yokwanda kokusetyenziswa kweziyobisi. Ngoku bayavuya xa kukho ulutsha olubuyisa lo ndumasi.